UTapelo Xoki uwakhulule AmaZulu exinaniselwe yiBloem Celtic!

Kuthe huuu kuBenni McCarthy emva kokuba uTapelo Xoki efake igowuli lempumelelo emdlalweni obunzima. AmaZulu aphumelele ngo’4-3 ebetha iBloemfontein Celtic elwileyo kakhulu emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eJonsson Kings Park Stadium emalanga namhlanje. Usuthu, oluze kakubi kwezi ntsuku, luyeke iCeltic yabuya emdlalweni luhamba phambili ngo’3-1.

Kodwa nangona kunjalo, uXoki unike AmaZulu impumelelo ebalulekileyo ngokubhakuzelisa umnatha ngembumbulu yebhola ayikhabe ibekwe phantsi ngaphaya komhlaba kanozinti ngomzuzu wokugqibela kwixesha elongezelelweyo. Amaqela asukelene umdlalo usaqala kucaca ukuba anxanelwe ukuphumelela. AmaZulu akhokele ngegowuli elifakwe ngu-Augustine Mulenga ngomzuzu weshumi elinambini. Emva koko uVeli Mothwa uvale ibhola kaMotebang Sera obekhangela igowuli lokulinganisa. UHarris Tchilimbou ulifumene igowuli lokulinganisa ngebhola eyinikwe nguSiphelele Luthuli.

AmaZulu afumene igowuli lesibini emdlalweni ngebhola efakwe nguTapelo Xoki isuka echaphazeni emva kokuwiswa kukaMulenga ngaphakathi emhlabeni kanozinti. Balwile nabo abadlali beCeltic emdlalweni bekhangela indlela abanokufumana ngayo amagowuli lokulinganisa. Emva komsebenzi omhle, uVictor Letsoalo ufake ibhola ngentloko isuka kuLantshene Phalane. Phambi kokuphuma ngenxa yokonzakala, uSiyethemba Sithebe uhambe efake igowuli loSuthu obeluxinaniselwe kabuhlungu.

Amakhwenkwe kaJohn Maduka abenamandla emva kokulinga naMaZulu kwisigaba sesibini futhi besekukubi kakhulu kwiqela ebelidlalela ekhaya. UXoki unike AmaZulu impumelelo engasoze ilityalwe ngegoli elihle umdlalo sowuphela. AmaZulu ahleli kwindawo yesixhenxe emva kokuqokelela amanqaku apheleleyo emdlalweni wanamhlanje. Yona iCeltic ikwindawo yeshumi elinambini – kodwa isenawo umdlalo engekawudlali ngoba ibikhe yabambeka emidlalweni yeCaf Confederation Cup ekhutshiweyo kuyo kwiveki ephelileyo.