UGomba ubalisa ngokugula yiCovid-19

YAYINGUMHLA weshumi elinesithathu kweyoMnga 2020 ngethuba uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uSindiswa Gomba, evakaliswa yiofisi yakhe ukuba ufunyenwe eneCovid-19 emva kovavanyo.

UGomba ugqibe into engaphaya kwenyanga engade alulame yiCovid-19. Emsebenzini ubuyele ngokusesikweni ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kweyoMqungu.

Ephendula kumbuzo wentatheli yeli phephandaba, uGomba uthi iCovid-19 ifuna umntu azifundise ukufuna uncedo lwezempilo ngokukhawuleza.

“Into endiyifundileyo ngeCovid-19 kukubaluleka kokumamela umzimba wam. Umzimba wakho nguwo okuxelelayo ngokukhawuleza malunga nondonakele okhoyo,” utshilo uGomba.

UMphathiswa uSindiswa Gomba neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UGomba uthi ukuphila nesinye isigulo yenye yezinto ezibangele ukuba ibe lidabi kuye ukululama kule ntsholongwane.

“Ndiyazazi ukuba ndinaso isigulo ekudala ndinaso, iHigh Blood Pressure, kwaye kulapho indisokolise khona iCovid-19. Lo nto iye yathetha ukuba mandiqiniseke ngoncedo lwempilo endandilifumana kwiHigh Blood Pressure, futhi ndibe phantsi kononophelo lwezempilo.”

UGomba uthi iCovid-19 imthathe ixesha elivisayo phambi kokuba alulame.

Ecebisa uluntu, uthe: “Enye into endiyifundileyo kukuba khawuleza ngokufuna uncedo xa uneCovid-19, futhi kubalulekile ukuba uzingqonge ngenkxaso yabantu bosapho lwakho xa ungekho sesibhedlele.”

“Enye into ebalulekileyo kukuqiniswa kokhathalelo lwempilo luluntu phaya ekuhlaleni. Abantu kubalulekile ukuba babe nolwazi ngemiqathango ekufuneka beyilandele xa beneempawu zeCovid-19,” utshilo uGomba.

Abanye abaphathiswa bephondo abebekhe babanayo le ntsholongwane, nguMlungisi Mvoko (woPhuhliso lwezoQoqosho nezeMali), uNomakhosazana Meth (woPhuhliso lwamaPhandle) kwanoSiphokazi Lusithi (woPhuhliso loLuntu). NeNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ebekhe wanayo le ntsholongwane. Zonke ezi nkokheli sele zilulamile.