‘Andizi, bonani ukuba nenzani’, uZuma uxelela iKomishini kaZondo

OBESAKUBA nguMongameli weli, uJacob Zuma, uthi akazubeka mcondo wakhe kwiKomishini kaZondo, watsho exelela le Komishini ukuba mayibone ukuba yenza ntoni ekwathi akakoyiki ukubanjwa nokuvalelwa.

Kwiveki ephelileyo, iNkundla yoMgaqosiseko, igwebe ngelithi lo kaZuma makayovela phambi kwale Komishini. Oku kusemva kokuba le Komishini yabhenela kwiNkundla yoMgaqosiseko kunyaka ophelileyo, emva kokuba uZuma washiya le Komishini engabhungisanga.

Kwimbalelwano yangoMvulo, uZuma uthi uxolele ukuya ejele ukuze akhusele amalungelo akhe omgaqosiseko athi wawalwela. “Ndiza kusidontsa nasiphi na isigwebo lo rhulumente wentando yesininzi abona sifanelekile, ngokuyinxalenye nemithetho ekhethekileyo neyahlukileyo malunga noZuma,” utshilo uZuma.

“Andinalo elinye icebo ngaphandle kokunyevulela ukungabikho kobulungisa, nanjengoko ndandenzile ngethuba likarhulumente wengcinezelo. Le Komishini (Commission of Inquiry into Allegations of State Capture) ifanele ukubizwa njengeCommission of Inquiry into Allegations of State Capture against Jacob Zuma, kuba kucacile ukuba yasekelwa ukuphanda mna buqu.

“Andikoyiki ukubanjwa, andikoyiki ukugwetywa nokuvalelwa,” uvale ngelo uZuma.