UTembo ubulela abadlali nabaphathi bakhe

Ziintshatsheli zeMTN 8 iSuperSport United emva kokubetha iHighlands Park emdlalweni obuseSoweto kwiveki ephelileyo umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Iincwadi zembali yebhola ekhatywayo zibhalwe ngokutsha eMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo ngethuba iSuperSport United iphakamisa indebe yeMTN 8 okwesithathu.

Ngaphandle kwamathandabuzo, ngoku iSuperSport United lelinye lamaqela azibalule ngokuthatha iindebe kwibhola yelizwe. Amatsatsantsa athweliswe isithsaba emva kokubetha iHighlands Park ngegowuli elinye elifakwe nguBradley Grobler emdlalweni obubanjelwe eOrlando Stadium.

Impumelelo ezuzwe yiSuperSport ibe yinto enkulu kubaphathi beqela uMnu. Khulu Sibiya nengqonyela uStan Matthews. Oyena mntu emphakamise kakhulu nguKaitano Tembo obephumelela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi kwinqanaba eliphezulu.

UTembo, oneminyaka emininzi ekwiSuperSport, unikwe ithuba emva kokuhamba kukaEric Tinkler kunyaka ophelileyo. Bekukhe kwakho ukusokola okuthile kwiSuperSport emva kokuthatha iintambo nangona ivale isizini ephelileyo ngendlela encumisayo.

Ukuphumelela kwakhe indebe uTembo yinto enkulu ngoba ngoku uphakathi kwabaqeqeshi abasebatsha abaphumelele iindebe.

Nakubeni uTembo engowaseZimbabwe kodwa uthathwa njengowalapha ngokuba uneminyaka emininzi kakhulu esebholeni eMzantsi Afrika.

Emva komdlalo, uTembo uncome abadlali bakhe kakhulu, watsho esithi impumelelo ngunozala wokwamkelwa kwakhe nendlela asebenza ngayo ngabadlali beSuperSport United.

“Ewe, yindebe yam yokuqala kodwa ndifuna ukuncoma abadlali ngokuba bandamkele njengomqeqeshi wabo. Siye sabethwa emdlalweni wokugqibela kunyaka ophelileyo kodwa khange sityhafe,” utshilo uTembo.

Phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo, kwakukho amahumhum athi uStan Matthews ucinga ukuqesha umqeqeshi omtsha kodwa endaweni yoko ukhethe ukumgcina uTembo obulele abaphathi bakhe ngokumnika ithuba.

“Abadlali bayamkele indlela endisebenza ngayo, kwaye ngabo abakhokelayo ngoku. Ndiyababulela abaphathi bam ngokundinika ithuba, ingakumbi uMnu. Matthews osoloko esemva kwam kuba endithembile. Akukho lula ukunika ithuba umntu onjengam,” utshilo uTembo.

Into ethe yambi emva komdlalo ibe ziindaba zokutshatyelwa kukaThamsanqa Gabuza ngumntwana wakhe. Ingxelo ithi uGabuza, oye wanegalelo elibonakalayo emdlalweni weMTN 8, akawuchazanga umphanga futhi akayanga nasesingcwabeni sonyana wakhe kuba engafuni ukuphazamisa amalungiselelo weqela lakhe.