UThabo September uzingomba isifuba ngomsebenzi weChippa United

UThabo September ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umqeqeshi weChippa United, uThabo September, ubuyele eGqeberha encume olukabhulankethe emva kokuba iqela lakhe lizuze impumelelo. Oku kulandela emva kokuba iChippa ibethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obuseBuffalo City Stadium ngempelaveki egqithileyo. Amagowuli ephumelele ngawo iChippa afakwe nguBienvenu Eva Nga noSinoxolo Kwayiba kwisigaba sokuqala somdlalo. Amakhosi, afike eMonti ephantsi koxinizelelo, ahlasele kuqala futhi adala amathuba – kodwa akakwazi ukubeka ibhola emnatheni.

Emva kokuvala amazibuko emizuzwini yokuqala yomdlalo, ukuzithemba kuye kwakhula ebadlalini beChippa United. Singaphelanga isiqingatha sokuqala, amagowuli amabini awusongile umdlalo ngoba ukudlala kakuhle kweChiefs kwisigaba sesibini khange kuyincede konke konke. Iveki edlulileyo ibintle kwiChippa ngoba iphumelele imidlalo emibini ebalulekileyo ilandelelana, ngaphezulu koko yafaka amagowuli amane. Ethetha neentatheli emva komdlalo, uSeptember uwuncomile kakhulu umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe.

“Iqela lonke lidlale kakuhle okunye okubalulekileyo kukuba akufakwanga nto kuthi,” utshilo uSeptember emva komdlalo echwayitile. Ekuqaleni kwesizini, iChippa ibiqhothoza kwicala lokufaka amagowuli emidlalweni esekhaya nesekuhambeni – kodwa ngoku izinto ziguqukile. “Siyazingca kakhulu emva kokufaka amagowuli asibhozo emidlalweni esiyidlalele ekhaya futhi sizimisele ukuyigcina lo nto. Ekufikeni kwethu, sacacisa ukuba sibetha amaqela aphezulu siyeke asezantsi – lo nto iza kusiza ezembeni. Siye sabethelela ukubaluleka kwayo yonke imidlalo,” utshilo umqeqeshi.

Ethetha kokuqaqamba kwabadlali abatsha abafana noKwayiba emidlalweni yePSL, uSeptember uyichaze njengento enkulu kakhulu kubo. “Yinto enkulu kuthi. UKwayiba ufake amagowuli amabini kule veki. Ngumdlali weli phondo naye uKayden Francis ngowalapha. Usihlalo weqela usiyalele ukuba masikhangele italente kweli phondo. UKopo yinkcutshe kwicala lokubangula italente. Siyazingca xa kukho abadlali abadlala kakuhle njengaba,” utshilo uSeptember uyibetheleleyo into yokuba kukugcina iqela kwiDStv Premiership into ephambili kubo.