Yintlungu kumafama ukubiwa kwemfuyo

Zikhula ngokungxamileyo kweli iziganeko zokubiwa kwemfuyo kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe.

Kutshanje kukhutshwe ingxelo yokuba amafama wephondo laseMntla Ntshona abhenele kumapolisa oMzantsi Afrika ngenxa yokuxakwa kukuthathwa kwemfuyo yawo. Kuthiwa amasela emfuyo asebenzisana namaqela aphuma kumazwe angaphandle kweli kunaniselwa kwemfuyo ebiweyo.

Ngenxa yokulahlekelwa yimfuyo amanye amafama ayazibulala ngenxa yentlungu yokulahlekelwa yimfuyo yawo. UJane Ryan yingcali yezolimo ebhale banzi ngomcimbi wokubiwa kwemfuyo kweli nakwihlabathi.

“Minyaka le amafama abhenela ekuzibulaleni ngenxa yokuba esibelwa imfuyo ezifama zawo ngethuba isemadlelweni,” kutsho uRyan. Uthi maxa wambi imfuyo yala mafama ithathwa ebuhlanti ngamasela ngelizama ukuyithengisa ezenzela imali.

Amafama aseMntla Ntshona kutshanje abhenele kwiqela lamapolisa ejongene nezikhalazo bekhalazela ukulahlekelwa ziinkomo, iigusha neebhokhwe ezinkampini zabo. USibusiso Ndlovu ngumfama wephondo laseKZN olixhoba lokuthathelwa imfuyo yakhe.

“Kubuhlungu kakhulu ukuba ugcine imali iminyaka usenzela ukuba ngenye imini ukwazi ukuthenga imfuyo, isuke lo mfuyo ithathwe yonke ngemini enye, lo nto yenza ukuba uphelelwe lithemba,” kucacisa uNdlovu.

Amagosa amapolisa enza uphando athi axakeke ngamandla kwiphondo laseMntla Ntshona ngelizama ukunqanda amaqela eba imfuyo.

Ngaphandle kokuba ezibulala amafama, oku kukwachaphazela iintsapho zabo baqeshwa kwiifama zelizwe loMzantsi Afrika nakwihlabathi.

Ukubiwa kwemfuyo ezifama zeli kubangela ukuba kuphele imvano nobudlelwane phakathi kwabantu beentlanga ezahlukeneyo. “Abanye abakweli cala lilahlekelwa yimfuyo bacinga ukuba olu luhlaselo lezobuhlanga, logama abanye belahlekelwa bubuhlo nezihlobo zabo,” kutsho uRyan.

Kuthiwa maxa wambi amanye amafama alahlekelwa yimpilo ingakumbi izigulo zengqondo ngenxa yokulahlekelwa yimfuyo. Amafama kwihlabathi avala iifama zawo ngenxa yokubaleka ukulahlekelwa yimfuyo kwiifama zawo imihla ngemihla.

“Idolophu ezikwimida yeli namazwe afana neLesotho asengxakini kakhulu, amasela asebenzisa imida uthumela imfuyo yethu kumazwe angaphandle koMzantsi Afrika,” ugqibelise ngelo uNdlovu.

Ngenxa yokuxaka kwale meko yokubiwa kwemfuyo amapolisa oMzantsi Afrika amisela ibutho elilodwa elijongene ncasana nokubiwa kwemfuyo.