IAFASA icela uncedo malunga nembalela

Umbutho wamafama amnyama iAfrican Farmers Association of South Africa (AFASA) ibongoza urhulumente weli ukuba angenele ukuncedisa amafama ukulwa ingxaki yembalela exake eli.

Oku kuvela emva kokuba isebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli kwiveki ephelileyo likhuphe ingxelo yokuba liqhuba uphando malunga nomyinge wembalela ehlasele eli.

Amafama alimayo nalawo afuyileyo kweli axakene nembalela ukususela kunyaka ophelileyo. Le mbalela ibangele ukuba uhle umngangatho kwizityalo ezininzi ezityalwa ehlotyeni eziquka umbona obomvu nomhlophe nezinye izityalo.

Kunjalo, le mbalela ibangela ingxaki emandla kumafama afuye imfuyo nezinye izinto ezityalelwa ukutyiwa yimpahla.

IAFASA ikhuphe ingxelo yokuba izakucela intlanganiso kwakunye nesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli ngelizama ukukhangela isisombululo kwingxaki yembalela.

Ukunyuka kwamaqondo obushushu okungaqhelekanga kubangele ukwenzakala okumandla kwizityalo kwakunye nemfuyo ngokubanzi.

Le mbalela ibangela ukunqongophala kwamanzi kwakunye nengca ezinkampani zeefama zeli. Ingcali yezoqoqosho nezolimo uGqirha uJohan Willemse uncokole namajelo eendaba ngale meko.

“Ingxowa-mali yokujongana neentlekele zezolimo ezifana nembalela yasekwa kwiminyaka engamashumi amathathu eyadlulayo, kodwa yonke loo nto ayinalo uncedo olucacileyo, ngoko ke kufuneka kukhangelwe ezinye iindlela zokunceda amafama,” kutsho uWillemse.

Ukanti usihlalo weAFASA uGqirha Sandile Ndlungwane uyavumelana noWillemse ngelithi ngenene kudingeka uncedo olungxamisekileyo ukunceda amafama.

“Esi sesona sizathu sibangela ukuba sifune ukubamba intlanganiso namagosa karhulumente aphezulu, kufuneka kuqwalaselwe kwakho indlela ekukhutshwa ngayo esi sibonelelo seengxaki ezibangwa yimbalela, asengxakini amafama,” kutsho uNdlungwane.

Amafama amakhulu awakhange ancedwe kuncedo lukarhulumente okuhlangula amafama kwiintlekele ezifana nembalela kumaxesha angaphambili, itsho ingxelo. Uhambisa athi urhulumente ngokukodwa isebe lezolimo alinazo iindlela zokukhawulelana okanye ukujongana neentleke ezifana nembalela.

“Ukunqongophala koncedo kuphazamisa ngamandla inkqubo yokuveliswa kokutya, iimveliso ezininzi ezichatshazelwe yimbalela zizakubangela ukuba kunyuke ixabiso lokutya nezinye izinto ezivenkileni,” ugqibelise ngelo uNdlungwane.

IGrain South Africa nayo ingqinile ukuba isivuno seemveliso eziziinkozo siza kuchatshazelwa ngamandla kukunqongophala kwemvula namaqondo obushushu aphezulu.