UThapelo Morena uyinike igowuli lephumelelo iMamelodi Sundowns

UPeter Shalulile weMamelodi Sundowns noTshepo Gumede weMarumo Gallants emdlalweni weNedbank Cup obuseRoyal Bafokeng Stadium namhlanje: Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ziintshatsheli kwakhona iMamelodi Sundowns! Kweli ityeli iziintshatsheli zeNedbank Cup emva kokuba ibethe iMarumo Gallants emdlalweni obutaka iintlantsi eRoyal Bafokeng Stadium kubusuku banamhlanje. Le yindebe yesithathu yeSundowns kwisizini ka-2021/22. Njengoko bekulindelekile, isiqalo somdlalo besisihle kakhulu futhi omabini amaqela ebezimisele. Nakubeni kunjalo, iSundowns lelona qela ebelinamandla kakhulu kwisigaba sokuqala. UGaston Sirino noPeter Shalulile ngawona madoda ebixhokonxa ngawo iSundowns. Amathuba wokuba ibhalise ebhodinidi kwangoko emdlalweni ebekhona – kodwa yalile iGallants ikhokelwa nguWashington Arubi ezipalini.

Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, uShalulile ubhakuzelise umnatha ngebhola echithwe kakubi nguWashington Arubi ezipalini. Isigaba sesibini sesona ebesinika umdla kakhulu ngoba iqela likaDan Malesela libuye lilume ongezantsi emva kokunxatshiswa kakubi kwesokuqala. Emva komsebenzi omhle ewenzileyo, iGallants ivuzwe ngegowuli elifakwe nguSede Junior Dion kwisigaba sesibini somdlalo. Abaqeqeshi seSundowns babonile ukuba iMarumo Gallants izimisele ukuwuthathela kuyo umdlalo ngetshova, bafake uThemba Zwane noSphelelele Mkhulise – bakhupha uSirino obeyinkathazo noThabiso Kutumela obekhe waphosa ithuba elihel lokubeka iSundowns phambili emdlalweni.

Iphelile imizuzu engamashumi alithoba yomdlalo amaqela ebambene ngegowuli elinye macala. Axikixene kwanzima nakwixesha elongezelelweyo – kodwa uThapelo Morena uyinike igowuli lempumelelo iSundowns emva kokunikelwa ibhola entle nguZwane emhlabeni kanozinti weGallants sekuphela ixesha. Ngalo ndlela, iSundowns iphumelele indebe yeNedbank Cup okwesibini kwisithuba seminyaka emibini. UManqoba Mgqithi uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo watsho eyincoma nendlela edlale ngayo iMarumo Gallants ebizimisele kakhulu emdlalweni. Naye uMalesela uyincomile indlela abadlale ngayo abadlali bakhe abafince umdlalo belishumi ngenxa yekhadi elibomvu elinikwe uNdlondlo.