UThemba Zwane ololwe yiDowns ufuna iindebe ezimbini ezibalulekileyo

Umdlali ophambili weMamelodi Sundowns, uThemba Zwane, uthi zimbini ngoku iindebe azifunayo emva kwempumelelo yangempelaveki egqithileyo. Oku kuvezwe nguZwane emva kokuba iSundowns ibethe iWydad Athletics Club ngo’2-0 emdlalweni obuseLoftus Stadium ngeCawe egqithileyo yatsho yaziintshatsheli zokuqala zeAfrican Football League.

Kanti umdlalo wokuqala ubuphunyelelwe yiWydad ngo’2-1. Into eyenze impumelelo yeSundowns ibe nencasa kukuba indebe ishiyeke eMzantsi Afrika emva kokubetha amaqela amakhulu aquka iPetro de Luanda, Al Ahly neWydad ngokulandelelana. Lo nto ishicilele indawo yayo iSundowns ebheleni yezwekazi le’Afrika njengelona qela eliphambili ngoku.

Emva kokuba iDowns izuze indebe ekhatshwa yimali engamashumi asixhenxe anesihlanu nesiqingatha sezigidi zerandi (R75,6-million), uZwane uthe ulolekile kakhulu kwaye iliso lakhe ulibeke kwiCAF Champions League nakuyo iAfrica Cup of Nations (Afcon) oyakuyo uMzantsi Afrika ekuqaleni konyaka ozayo.

Njengomdlali ophumelele zonke iindebe ezikhoyo kwiPremier Soccer League, akuthandabuzeki ukuba uZwane uyayifuna iAfcon ngoba yeyona ndebe angenayo enokumenza abalwe njengomnye wabadlali abaqaqambileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika ngonaphakade.

“Ndifuna ukuphinda ndiphumelele indebe yeChampions League. Kwiqela lesizwe kucacile ukuba ndifuna indebe ethile,” utshilo uZwane emva kokuba iSundowns ibuyisele ubunganga bawo ebholeni yezwekazi le’Afrika phantsi kukaRulani Mokwena.

Kuye kwanyanzelisa imidlalo yetumente entsha (African Football League) yiCAF seyiqalelile eyeChampions League. KuGroup A, iSundowns ithelekiswe namaqela afana neT.P. Mazembe, iFC Nouadhibou nePyramids SC.

“Xa ndingafumana indebe yeAfcona ezayo, ndingachulumanca kakhulu. Into endifuna ukuyitsho kubalandeli beSundowns kukuba ngoku sifuna indebe yeChampions League kwakhona. Imini yanamhlanje ikhethekile kuthi ngoba siphumelele indebe phambi kwabalandeli bethu.

Ndifuna ukuncoma abaqeqeshi ngako konke abasenzele kona. Senze umsebenzi omhle ngoba senze izinto ngendlela yethu,” utshilo uZwane emva kokuba nguKapteni wokuqala ophakamise indebe yeAfrican Fooball League.