Inkosikazi ebixokile ikhululwe ngebheyile

Ikhululwe ngebheyile yeR2000 inkosikazi yaKwaZakhele, eGqeberha, ebibanjelwe ukuxoka isithi idlwengulwe ngamaPolisa ebeyokulamla ingxabano ibiphakathi kwakhe neqabane lakhe ngempela veki.

Le nkosikazi negama linguZiyanda Papu (43), ivele ngoMvulo eNew Brighton, ngetyala lokudelela ingalo yomthetho ngokuthi ixoke. Ityala layo limiselwe inyanga yoMqungu kunyaka ozayo u2024.

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, ithi, bekonwatyiwe ziitshomi kuselwa kubusuku bangoLwesihlanu kwindlu ethile ngethuba kuvuka ingxabano phakathi kwesi sibini, nekulapho indoda encuma nale nkosikazi iye yafowunela amapolisa azokulamla.

UNaidu uthi, le nkosikazi ithathiwe yagoduswa ngamagosa amabini esiPolisa, emva koko le nkosikazi yabuyela kwindlu yeqabane layo apho ifike yaxoka yathi idlwengulwe ngala magosa mabini.

Ingxaki yexhoba iye yathathelwa phezulu kwangoko wasiwa kwiziko lamaxhoba odlwengulo, nasesibhedlele, kwaze kwavulwa netyala.

Ngethuba kuqhuba uphando le nkosikazi iye yathetha inyani ngoko kutsho kwengxelo, yathi khange idlwengulwe koko ibifuna ukufundisa isifundo iqabane layo.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata, usikhalimele ngamandla esi senzo sobuxoki ngelithi singabaneziphumo ezibi.