Ukusebenza nokuphila kwabantu abaphila neNkubazeko kwiSixeko saseKapa!

Abasebenzi abaphila nenkubazeko abasebenzela Isixeko saseKapa, eNtshona Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe

Umbhali: Alderman Theresa Uys

Njengokuba singenile kwiNyanga yokwazisa uluntu ngamalungelo abantu abaphila neNkubazeko eye iqatshelwe rhoqho ngonyaka ukususela ngowesithathu kweyeNkanga ukuya kowesithathu kweyoMnga, ndiye ndatyelela abasebenzi abahlanu apha eKapa abaphila nonkubazeko ukuva amabali wabo kwanokuba izidingo zabo ezikhethekileyo zihoywa njani kwiindawo abaphangela kuzo.

ISixeko saseKapa siqeshe abantu abaninzi kakhulu, abalinani elingaphaya ko40 000, kananjalo ndiye ndahlangana nabasebenzi abakwiSebe loBudlelwane neeKhastoma, elilelona linabasebenzi abaninzi abaphila nenkubazeko (20) apha kwamasipala.

Ndiye ndachwayita kakhulu ukubona elinye lamasebe eeNkonzo zeZiko lichazwe ngolu hlobo. Xa sibhiyoza naxa sibonisa nendima exabisekileyo indima ngaba basebenzi kwiziko, ndithemba ukuba oko kusenokukhuthaza namanye amasebe nezinye iinkampani ukuba zingacaluli abasebenzi abaphila nenkubazeko.

Ndithemba ukuba xa siqaqambisa amanye amalungu eqela lethu, oko kuya kubonisa ukuba singanakho ukuvulela abantu abaphila nenkubazeko emisebenzini.

1. UTandikaya Ndlebe – Wazalelwa eMpuma Koloni, kwilali yaseNdibela, eMthatha, apho wakhuliswa ngumama ongatshatanga.

Ukuzalwa engakwazi ukuhamba kakuhle okanye engaboni kakuhle, kwathetha ukuba kufuneka afunde ngamandla futhi asebenze ngamandla ukuze aphumeze amaphupha wakhe. iEfata School for the Blind yaba likhaya lakhe lesibini awayefunda kulo.

Emva kokuphumelela iMatriki ngo2009, wafunda izifundo zethutyana kwiBusiness Administration, iMarketing, iManagement neSwitchboard Operating.

Owona mngeni omkhulu yaba kukufumana umsebenzi awathi wawusokola ixesha elide. Waye waxhomekeka kwisibonelelo sikaRhulumente seenyanga zonke seSouth African Social Security Agency (SASSA).

Ngo2012 wathatha isigqibo sokuba aye kuhlala kumalume wakhe eKapa aqhubeke nokukhangela umsebenzi. Wayefunda onke amaphephandaba efaka nezicelo zemisebenzi emininzi. Akazi nokuba zingaphi iisivi (CV) awaziprintayo iminyaka ngeminyaka.

Kwathi ngo2018 wabizelwa kudliwanondlebe sisiSixeko saseKapa. Ngoku usebenzela iZiko lonxibelelwano futhi wonwabe kakhulu. “Isebe lam landibonelela ngesikrini esikhulu sekhompyutha kunye nekhibhodi eyenzelwe abantu abangaboni kakuhle.

“Ndiye ndimana ndiphumla xa ndisebenza yaye kananjalo sineforam yabakhubazekileyo apho siye sichaze ngemingeni esijongene nayo kwimisebenzi esiyenzayo,” utshilo uTandikaya ekwabulela nabo asebenza nabo ngokumxhasa nokuqinisekisa ukuba isebe lakhe lilungiselele naye nawuphi umntu ophila nokhubazeko.

2. ULambert Badenhorst – “Ndaa!” yindlela yokubulisa abantu abangamadoda, kanti u-“Aa!” usetyenziswa xa kubuliswa abantu basetyhini ngolwimi lwesiVenda. ULambert Badenhorst ngowaseMojaji’s Kloof (eyayisaziwa ngokuba yiDuiwelskloof kudala) eLimpopo. Wakhulela efama waze waya kwizikolo zesiqhelo.

Kulapho waqala ukuba nengxaki yokungaboni okubhalwe ebhodini. Oogqirha bathi unesifo esibizwa iMacular Degeneration – isifo samehlo esenza ukuba umntu angaboni kakuhle ze sithi njengokuba ukhula siye siqatsela.

Oko kwenyanzela ukuba asiwe kwisikolo sabangaboniyo esibizwa iSchool for the Blind, eWorcester. Apho wafika wagqwesa emdlalweni wombhoxo de waba ngumdlali weNorth Boland Team. Ukugqiba kwakhe isikolo, kwaye kwafuneka afumane umsebenzi.

Oku kwaye kwaba nzima kakhulu nanjengokuba abanye abaqeshi babengenazo izixhobo zokuqinisekisa ukuba imo ekusetyenzelwa kuyo emsebenzini iyabalungela abantu abanenkubazeko.

Kwakukho nemposiso yokuba umntu ongaboni kakuhle akuzukwazi ukwenza umsebenzi owenziwa ngumntu ongenankubazeko.

“Ndihlala ndisithi, ‘Sukuthi ukhubazekile kodwa yithi uyakwazi ukwenza okuthile’ – ngelinye ixesha abantu abanenkubazeko benza umsebenzi ongcono kunabanye abantu abaqhelekileyo,” utsho uLambert omsebenzi wakhe wokuqala wawukwindawo ethengisa inyama.

Emva kweminyaka emithathu esebenza kuyo, waya kuba nguMthengisi weMedical Aid, ePolokwane. Waye esenyukela de waba ngumphathi.

Emva koko yaba nguye nendlela, wemka waya kutsho eUnited Kingdom apho waphangela iminyaka emibini. Wabuyela eKapa apho wabona isaziso esasisithi iSixeko saseKapa sikhangela abantu abaphila nenkubazeko.

Ngoku uLambert usebenzela iZiko lonxibelelwa, ubonelela ngoNcedo lokuQala yaye unguMququzeleli wemisitho phantsi kwesebe lonxibelelwano.

Isebe liye laqinisekisa ukuba unayo yonke into ayidingayo yokwenza umsebenzi wakhe. Unekhibhodi etyheli elungiselelwe yena enamaqhoshana kwezi ndawo kucofwa kuzo ukuze akwazi ukusebenza ngayo. Isebe likwambonelele ngefowuni akwazi ukuyiphendula ekwikhompyutha yakhe esebenzisa imawusi. Uwuchonga lula umnxeba ukuba ungoluphi na ulwimi phakathi kweSingesi, isiXhosa neAfrikansi kumntu ofowunayo.

Umngeni omkhulu kaLambert kukuba engenakukwazi ukuqhuba. “Ubomi ngebohluke kakhulu ukuba bendikwazi ukuqhuba. Yinto endingenakukwazi ukuyitshintsha ke le yaye ndiyamkele. Umntu kufuneka ayamkele into angenakukwazi ukuyitshintsha kodwa azifundise ukukhula nokufunda izinto ezintsha,” wongeze ngelo uLambert okwangumdlali wegalufa ongaboniyo noye athabathe inxaxheba kwimidlalo yeSA Blind Golf Championships, kananjalo ude waya kufikelela kwiBlind Golf World Championships ekuqaleni kwalo nyaka.

3. UWendy Brymer – Wazalwa engaboni kakuhle. Ngexesha ezalwa, umama wakhe wayenesifo semasisi. Ekukhuleni kwakhe usapho lwakhe lwathutha eRhawutini lwaza kuhlala eKapa.

Yena wayengasaboni kwaphela ngelo xesha. Wafunda ePioneer School for the Blind, eWorcester, ehlala esikolweni. Ingxaki yakhe enkulu ngelo xesha yayikukufumana isithuthi sokumhambisa.

Umngeni olandelayo yaba kukulandela iteknoloji eyayingena ngokungena; iiATM zaba nezikrini ezingenayo ibreyili, kwathi ngokuya kuvela iinkqubo zekhompyutha kwanzima ukuba akwazi ukuyisebenzisa.

Ngoku uWendy usebenza kwicandelo eliPhendula iMinxeba kwi-Ofisi eseDurbanville yeSixeko saseKapa. Usebenzele iSixeko iminyaka eyi26. Emva kokungaphumeleli kwiSixeko saseTygerberg samandulo, wagqiba kwelokuba abe livolontiya, waya esenyuka ngokunyuka.

“Ndinganazo iingcebiso zodliwanondlebe, kodwa ukuba kufuneka uqale ezantsi okanye uyakwazi ukusebenza njengevolontiya, lithathe elo thuba ngezandla zozibini. Emva koko zibonakalise kwabo bakuphetheyo ukuba yintoni okwazi ukuyenza,” utsho uWendy.

ISebe loBudlelwane neeKhastoma, apho uWendy asebenza khona limbonelele ngekhompyutha enenkqubo ebizwa iJob Access With Speech (JAWS). Usebenzisa le nkqubo ukufumana iinkcukacha azifunayo kwiziko leminxeba yaye uyakwazi ukufumana nokuthumela ii-imeyili.

“Kwiminyaka emininzi edlulileyo, iSixeko saye sandithumela kuqeqesho lwekhompyutha eCape Town Society for the Blind (CTSB). Phambi kokuba ndibe nekhompyutha, umntu owayendiphethe wenza ukuba sibe neefowuni zeSixeko ezikwaziyo ukusebenza ngeBreyili.

Naxa ndandizimase iiklasi ezifundisa isiXhosa, iSixeko saqinisekisa ukuba ndifumana iinowuthsi zam zeklasi ngeBreyili,” ugqibezele watsho uWendy ephakama ethatha inja yakhe emkhokelayo enegama elinguLucy, eyazi yonke i-Ofisi eseDurbanville yeSixeko.

4. UAubrun Damons – Ukuba wakhe wabukela ifilimu kaBruce Willis ethi, Unbreakable, ibali likaAubrun Damons likubeka kwinto eyenzeka ngokwenene. Yena uAubrun wazalwa eneOsteogenesis Imperfecta – isifo umntu asifumana kusapho apho amathambo ophuka lula, kungekho sizathu soko okanye xa wenzakele nje kancinci.

Okothusayo kukuba, uAubrun zange waphukelwa nalelinye ithambo oko wazalwa. Usebenzisa isitulo samavili sombane ukukwazi ukujikeleza nokuphila ubomi obukhululekileyo. Ekhuliswa ngumama ongatshatanga, waqala ukufunda eAgape Primary School, isikolo esilungiselelwe abantwana abaphila nokhubazeko esiseTafelsig, eMitchells Plain.

Kumabanga aphezulu, wangena kwisikolo sesiqhelo wafunda eModderdam Secondary School, apho kwafuneka ukuba aziqhelanise, yaye afumane nabahlobo abangakhubazekanga kananjalo azihlanganise noluntu lonke.

Kunamhlanje nje unesidanga iBachelor’s Degree in Management in Entrepreneurship saseCape Peninsula University of Technology. Ungumsunguli woMbutho oNgenzi Nzuzo (NPO) obizwa ngokuba yiDisabled People South Africa (DPSA) kwaye ukhokela iQela leMinxeba kwiZiko leMinxeba leSixeko saseKapa.

“Ikhono lam kwiSixeko saseKapa laqala ngo2018 xa omnye umsebenzi kundlunkulu weNPO yethu wasibonisa umsebenzi owawukhutshiwe wokusebenzela iZiko leMinxeba kwiSebe loBudlelwane neeKhastoma. Ngo2022 ndiye ndanyuselwa ukuba ndikhokele iqela elisebenza ngeminxeba, apho ndiphethe nabasebenzi abaphaya kwi16 ukuya ku20. Ndiqinisekisa ukuba umsebenzi wenziwa kakuhle,” utsho Aubrun.

Ukujikeleza nokufikelela ezintweni kungumngeni ekufuneka esoloko ejongene nawo. “Ingumnqa kum into yokuba ngoku ndineminyaka eyi31 kusafuneka ndijongene nemingeni endandinayo ndina13; njengezakhiwo ezingenazibonelelo zabantu abasebenzisa izitulo zokuhambayo, abantu abangaziyo ukuba bathethe njani nam, abacinga ukuba ndingophuka nanini na okanye abacinga ukuba ndidinga uncedo ngalo lonke ixesha.”

Umsebenzi wakhe kwiSixeko yayingumsebenzi wakhe wokuqala osisigxina yaye uyazingca ngento yokuba zange kubekho into angakwazi ukufikelela kuyo apha kwiSixeko.

ISebe lonxibelelwano noluntu ngoku lineqonga labantu abanenkubazeko elihlangana qho ngenyanga ukubonisana ngemingeni yabasebenzi abakhubazekileyo.

Eli sebe likwaqinisekise nokuba idesika ahlala kuyo uAubrun iphakamile ukuze ahlale kamnandi ngexesha lomsebenzi. UyiNkokeli yeQela elijongene neMinxeba eyamkela iingxaki ezifana nokungabikho kwamanzi, imijelo yogutyulo evalekileyo kunye nezinye izinto ezimalunga noko.

5. UZaitoonah Jattiem – Wazalelwa kwindawo eyayibizwa iDistrict Six. Wazalwa enobunzima obungaphantsi kwegremu eziyi500, nto leyo eyabangela ukuba ahlale iinyanga ezintathu esibhedlele ekwisifukamisi, phambi kokuba akhutshwe abone ilanga okokuqala. Waquqa ebuyelela esibhedlele.

Kwenye igem wayenendlebe evuzayo eyayidinga ukuba atyandwe ngokungxamisekileyo apho kwafunyaniswa ukuba imithambo esendlebeni yakhe yonakele.

Oogqirha bathi ugula yinto ebizwa ngokuba yiSingle Sided Deafness (SSD). Ukususela ngoko, umngeni wakhe kukungeva ukuba izandi ziphuma kweliphi icala. Uthi oku kuchaphazela ukhuseleko lwakhe nemeko yakhe ingakumbi kwindawo ezinengxolo.

Kananjalo akakwazi ukohlula ingxelo yentetho neyento eyenzekayo. Ekuhambeni kwexesha, le ndlebe inye isebenzayo iye itsale nzima ngenxa yoxinzelelo nokudinwa kuba isebenzela nale ingevayo.

Oku kudala ukuba aphathwe yintloko ebuhlungu amaxesha amaninzi, uZaitoonah khange asokole ukufumana umsebenzi yaye sele ezibona eyingcungela ekusebenzeleni amaziko eminxeba noxa imeko yala maziko idinga umntu okwazi ukuva kakuhle ngeendlebe.

“Amava wam kumacandelo olawulo noluntu andifundise ukuba nomonde kwanokukwazi ukwenza nawuphi na umsebenzi. Kubalulekile ukukhumbula ukuba ukungeva kakuhle ngeendlebe akuchazi izinto okwazi nongakwazi ukuzenza. Abaqeshi bayakwazi ukusilungiselela njengokusibonelela ngefowuni ecutha ingxolo engasemva.

“Ndiphendula iminxeba yeekhastoma okokoko ndaqala ukusebenzela iSixeko saseKapa yaye iyalungiselelwa imeko yam. Ndancediswa ukuba ndingabi kwicala elineminxeba koko ndiphendule imbalelwano ngeimeyili,” utsho uZaitoonah owonwabela ukuxhasa iikhastoma ngokuzithumela iimpendulo kwingxaki zazo.

Ngoku uZaitoonah usebenzela iZiko leMinxeba kwiSebe loBudlelwane neeKhastoma leSixeko. Kufuneka ibhiyozelwe into yokwamkelwa kwabasebenzi abanokhubazeko olwahlukileyo ngabaqeshi beSixeko saseKapa yaye oku kuyinxalenye yomnqophiso wethu wokuba sibe siSixeko seThemba.

KweyoMnga ngumhla weHlabathi waBantu abaphila nenkubazeko kananjalo ukwabhiyozelwa njengomhla welizwe wokwazisa uluntu ngamalungelo abaNtu abaphila nenkubazeko.

Inkcazelo ngoMbhali: UAlderman Theresa Uys lilungu leKomiti kaSodolophu elijongene neeNkonzo zeZiko kwiSixeko saseKapa.