UThulani Hlatshwayo uncume olukaBhulankethe

UThulani Hlatshwayo evuyela igowuli lakhe ngethuba iBidvest Wits ibetha i-Orlando Pirates eBidvest Stadium izolo. Umfanekiso: Backpage Pics

Ukaputeni weBidvest Wits, uThulani Hlatshwayo khange akwazi ukuzibamba izolo ngenxa yolonwabo emva kokuba iqela lakhe lidlulele phambili kwiMTN 8.

IWits izibethele i-Orlando Pirates ngamagowuli amabini kwelinye kumdlalo obunzima eBidvest Stadium izolo ebusuku.

Emva kokuhamba kukaSibusiso Vilakazi othathwe yiMamelodi Sundowns ekuqaleni kwale nyanga, uThulani Hlatshwayo, unikwe uxanduva lokukhokela iWits ngokusesikweni.

Sele eqalile ukwenza umsebenzi omhle kule midlalo mibini idlulileyo – kodwa eyona nto imenza achulumance ngakumbi kukubetha iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates zilandelelana kwiveki enye. Kuyo yomibini lo midlalo ufake amagowuli empumelelo.

Omabini la maqela aphume ngomva kwiMTN 8 nangona bekulindeleke asebenzise olu khuphiswano njengethuba lokuchumisa amalandli abanomsindo ngenxa yokwenzeke kwisizini edlulileyo.

“Ngaphandle kwamathandabuzo le impumelelo iyasikhuthaza kakhulu – kodwa ke sisezakuphinda sidlale umdlalo wePremier League nePirates. Akufuneki siwajongele phantsi amanye amaqela kuba sicinga ukuba singcono kunawo,” utshilo uHlatshwayo.

“Kusekho amaqela esizakudlala nawo, kufuneka siqhubele phambili nokudlala ngokuzimisela ngolu hlobo. Sikwazile ukuyenza lo nto kule midlalo siyidlale nePirates neChiefs futhi sazifumana iziphumo. Sizimisele ukuqubisana nomdlalo ngamnye esiwudlalayo. Kungakuhle ukuba singaqhuba kakuhle kwiMTN 8, sinalo nethuba lokwenza kakuhle kwindebe yePSL,” utshilo uHlatshwayo.

Isiqalo esihle seWits singayinika elinye ithuba nakule isizini lokuzama ukubhukuqa iSundowns ekhusela indebe yePSL eyibambe kwisizini ka’2015/16.