Ertugral: Malibekwe kum ityala

Ushiyeke eqgushalaza uMuhsin Ertugral emva kokubethwa kwe-Orlando Pirates yiBidvest Wits kumdlalo weMTN 8 eBidvest Stadium izolo ebusuku. Umfanekiso: Backpage Pics

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMuhsin Ertugral, uyishiye iBidvest Stadium engonelisekanga tu izolo – kodwa wathi ityala lokubethwa kweqela lakhe wathi malibekwe kuye njengomqeqeshi.

AmaBhakaniya abethwe yiBidvest Wits ngo’2-1 kumdlalo weMTN 8.

IWits izuze le mpumelelo eyisebenzele nzima emva kokulandela ngasemva kwePirates efumene igowuli kuqala ngepenela efakwe ngu-Oupa Manyisa ngomzuzu weshumi elinesihlanu kwisiqingatha sokuqala.

Eyona ekubonakala ukuba iseyingxaki kwiqela lika-Ertugral kukungahlangani kwabadlali bakhe basemva kunye nonozinti obhutyuze iibhola kule midlalo emibini idlulileyo – ngakumbi ezihamba phezulu.

Kodwa ezi ngxaki zikanozinti zibhencwa ngumdlalo woogxa bakhe bangasemva ongade udibane kakuhle.

Le yingxaki ahlangabezane nayo u-Eric Tinkler kwisizini edlulileyo ngethuba esengumqeqeshi wePirates.

Iinguqu zenziwe – kodwa le ngxaki ayivumi kusuka. Lo nto ayimonwabisi u-Ertugral ngoba ukungasombululeki kwayo kungaphazamisa umsebenzi wakhe wokubuyisela iPirates kwindawo yayo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika emva kwesizini yePSL ka’2015/16 ebimbi.

“Isiqalo sethu besisibi kakhulu, iWits ibizihambela nje apha kuthi. Size [kuyo] siwazi amandla wayo nalapho ibetheka khona,” utshilo u-Ertugral kumabonakude emva komdlalo.

“Umdlalo ubumbi – kodwa ke yiWits ebifika kuqala ebholeni kwaye lo nto isonzakalisile. Omabini amagowuli angene kuthi bengamelanga ukuba angene, ziimpazamo ezenziwe ngabadlali bethu phaya emva. Abadlali sibaxelele indlela ekufanele baqubisane ngayo neekona zeWits, khange yenzeke lo nto besiyithethile – kodwa ke ndiyixhoma apha kum emagxeni yonke lo nto. Kwisiqingatha sesibini sithe masibasukele, kwangoko uTendai Ndoro ulifumene ithuba – ukuba besilisebenzisile elo thuba, ngesithetha enye into ngalo mdlalo,” uvale ngalo mazwi u-Ertugral obengonelisekanga kwaphela ngumdlalo weqela lakhe.

Emva kokuba iPirates iphumelela umdlalo wayo wokuqala we-Absa Premier Soccer League ngoLwesithathu odlulileyo e-Orlando Stadium – apho ibethele khona iGolden Arrows ngo’3-1, umqeqeshi uye wanethemba lenye impumelelo ebizakunceda ekukhuliseni ukuzithemba kubadlali bakhe.

Kukhangeleka ngaathi kusenzima ngoba kufuneka azame umqeqeshi ngoku ukulungisa iimpazamo zesizini edlulileyo.