UYeye uzityanda igila ngokushiya iKaizer Chiefs

Amakhosi othuse abantu abaninzi kwibhola yoMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo ngethuba ekhupha isibhengezo esithi abadlali abangamashumi amabini bayahamba.

Phakathi kwabadlali abahambileyo kwiChiefs ekupheleni kwesizini nguReneilwe Letsholonyane.

Umdlali ohleli iminyaka esibhozo kwiChiefs ophinde wadlala indima enkulu kwiindebe ezininzi eziquka ezePremier League ezimbini azifumene phantsi kukaStuart Baxter kwiminyaka emithathu edlulileyo.

Ngoku ugqibe kwelokuba aye kwiSuperSport United, apho kulindeleke asebenze noBaxter kwakhona. Wonke ubani olandela ibhola uyazibuza: ingaba kutheni iChiefs ikhulula omnye wabadlali ababalulekileyo.

ULetsholonyane uncokole ne-Independent Newspapers ayixelele esona sizathu sibangele atshintshe iqela.

“Ndanikwa isivumelwano seminyaka emibini yiChiefs. Ewe, ibifuna ndihlale futhi nomqeqeshi ebefuna ndihlale, kodwa ndithe mandijongane nomcelimngeni omtsha kwelinye iqela phambi kokuba ndiyeke ukudlala ibhola. Bendihleli kakuhle kwiChiefs, kodwa emva kokonzakala endithe ndakufumana, ndiye ndacinga nzulu ngekamva lam,” utshilo uYeye.

ULetsholonyane uthi ubudlelwane bakhe noSteve Komphela buqinile, kwaye phambi kokuba atyikitye isivumelwano neSuperSport United zange abenayo incoko noBaxter.

“UKomphela yinto engaphaya komqeqeshi kum. Sincokola kakhulu naye ngezinto zobom nje ngokubanzi. Kwakunzima ukusamkela isigqibo sam, kodwa wandiva xa ndimxelela izizathu endamnika zona,” utshilo uLetsholonyane.

Ukuya kwiSuperSport United khange ibeyinto esokolisayo kule ndedeba ngenxa yokusebenza noBaxter ngaphambili.

“Zange ibesisigqibo esinzima ukusithatha. Into ebalulekileyo ekufuneka ndiyenze kukusebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke ukuze ndifumane indawo yam kwiSuperSport United,” utshilo uYeye.

Abanye abadlali abalandele uYeye nguReyaad Pieterse noKeagan Ritchie ekutshintshiselenwe ngaye ngoSibusiso Khumalo.

pedro.mapelo@inl.co.za