UZahara wonwabise ulutsha ngemidlalo ePhumlani

UZahara exhangwe ngamantombazana adlala ibhola yomnyazi kwilali yasePhumlani namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo | I'solezwe lesiXhosa

Ibime ngxi lulonwabo namhlanje ilali yasePhumlani – apho kwazalelwa khona imvumi eyaziwayo, uZahara. Ulutsha lwale lali belukhuphisana kwimidlalo ebeququqzelelwe nguZahara. Kule tumente bekukho imidlalo entlobo-ntlobo equka ibhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi (Netball), umbhoxo, amanqandi nonoochelekeshi.

Le tumente sele inethuba iqhuba, injongo kaZahara yokuququzelela imidlalo ekumila kunje kukuba usoloko ekhangela indlela yokuqokelela ulutsha lweelali zakhe ukuze lulandele ekhondweni lakhe. Amantombazana adlala ibhola yomnyazi akhuphisene kakhulu kwimidlalo yawo kwaye umgangatho wemidlalo ubukwizinga eliphezulu kakhulu.

Bekucaca ukuba kudla abantu abazimiseleyo futhi abayithandayo ibhola yomnyazi. Ngaphandle kwamathandabuzo italente ikhona ePhumlani, ukuba bekukho iinkqubo zophuhliso ezicacacileyo – kwiitumente ezifana nale, bekunokhutshwa abadlali bangomso. Kumdlalo obutak’iintlantsi, iJuventus ibethe iYoung Stars ngamagowuli alishumi kwamane (10-4).

Khange iqhelisele zisuka iJuventus kulo mdlalo, kangangokuba kutshintshwe amacala ihamba phambili ngamagowuli amathandathu kwamabini. Zijikile kodwa izintu ekuhambeni kwexesha. Abadlali beYoung Stars baye bafudumala futhi umdlalo wabo uye wabanokuphucuka. Ngenxa yokuvuka mva emdlalweni, abakwazanga ukuyifumana iJuventus eye yakholosa ngokufaka amagowuli.

Ulutsha lwasePhumlani luyivuyele into eliyenzelwe nguZahara kwaye beluphume ngobuninzi.

Uviwe Sikanisi uthe: “Ndiyakuthanda ukudlala ibhola yomnyazi (Netball) ngoba ngowona mdlalo, thina mantombazana, esinawo apha. UZahara ubekele olu suku bucala ukuze sisuke ezintweni ezigwenxa.”

Yena uNomaphelo uthethe wenjenje: “ Ndiyayithanda iNetball kwaye uZahara siyamthanda ngokuba uyakwazi ukusonwabisa xa ekhona. Usoloko efuna sonwabe apha thina silulutsha. Uninzi lwethu apha senza izinto ezibhek’ecaleni, ngolu suku ubonisa ukusikhathalela.”

Bonke bayithakazelele into eyenziwe nguZahara endaweni yabo. “Ndizodlala apha, futhi sizokonwaba apha ngoba siyayithanda imidlalo,” utshilo uZenande Mkhabe.