Uzakuchazwa

kunyaka ozayo umqeqeshi weSpringbok

Umbutho olawula umbhoxo kweli loMzantsi Afrika, ISARU ichaze ukuba isigqibo mayela nomqeqeshi ozakuthi angene endaweni kaHeyneke Meyer kwiSpringbok sizakuthi senziwe kunyaka ozayo.

ISARU ibibambe intlanganiso yayo enkulu eKapa, ngoLwesihlanu, nalapho bathe basombulula imiba emininzi ibihlupha eli qela. Kodwa ngokokutsho kwabo, ukukhangelwa kunye nokutyikitywa komqeqeshi ozakuqeqesha iqela lesizwe asiyonto ifuna ukungxanyelwa.

Sele kuthe ndii amarhe okuba * -Allister Coetzee nguye ozakuthatha isikhundla sikaMeyer , kodwa ikomiti ephezulu yeSARU kulindeleke ukuba iqhubekeke nokulandela yonke imigaqo efunekayo ukufumana umntu ozakungena kwesi sikhundla.

Abanye abaqeqeshi abafana noJohan Ackerman, John Plumtree kunye noRassie Erasmus ngabanye abobonwa njengabantu abanokufaneleka kwesi sikhundla. Bekukhe kwavakala negama likaWayne Smith osele esuka kuqeqesha iNew Zealand.

Umntu othe wabonwa efanelekile kuza kufuneka yonke intlangano yeSARU ivumelane ngaye. Le nto kungalindeleka ukuba yenzeke kunyaka ozayo. Ukuqeshwa kukaMeyer kwaye kwabhengezwa ekupheleni kuka Januwari ka2012.

Phakathi kwezinye zezinto ezithe zavezwa yiSARU kule mpelaveki kukufumana kwabo abaxhasi abatsha abafana nenkampani yakwaBidvest Car Rental neTsogo Sun. Ingqonyela yeSARU uJourie Roux uthi wonwabe kakhulu kukuba bezimanye noBidvest kwisivumelwano sokusebenza kunye seminyaka emihlanu.