Zitha Kwinika: Asikwazi ukulahla amanqaku ekhaya eFNB Stadium

UZitha Kwinika ngumdlali weKaizer Chiefs. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

IKaizer Chiefs ijongene nomdlalo onzima kakhulu kule veki kwaye ukuba ingabethwa, izinto zingambi ngakumbi. Amakhosi amkela iSuperSport United eyingozi emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo. Imimoya iphantsi enkampini yeChiefs emva kokuba ingakwazanga ukuphumelela imidlalo elandelelanayo. Kwiveki ephelileyo, ibambene neMarumo Gallants ngegowuli elinye macala emdlalweni obuseRoyal Bafokeng Stadium. Kanti yona iSuperSport iphumelele umdlalo wayo wesithathu kwiveki ephelileyo yatsho yanyukela kumanqwanqwa weDStv Premiership.

Izinto azilihambeli kakuhle iqela laseNaturena, ingakumbi uArthur Zwane onikwe uxanduva lokubuyisa isidima salo emva kokugxothwa kukaStuart Baxter kwisizini ephelileyo. Akubonakali ngathi likhona ithemba lokuguquka kwezinto emva kwemidlalo esixhenxe edlalwe yiChiefs. Awucacanga kwa umdlalo odlalwa yiChiefs, yenza iimpazamo futhi ayikwazi nokufaka amagowuli. UZwane ugxeke uAshley Du Preez noZitha Kwini emva komdlalo ogqithileyo. Nangona kunjalo, uKwinika ujonge umdlalo olandelayo ngamehlo abomvu kwaye uthi iChiefs ekufanelanga ibethwe xa idlalela ekhaya. “Asikwazi ukuphoswa ngamanye amanqaku apheleleyo,” utshilo uKwinika.

Amakhosi ajongana naMatsatsantsa aqeqeshwa nguGavin Hunt ongeke avume ukubethwa yiChiefs emgxothe kunyaka ophelileyo. “Idlala kakuhle kakhulu iSuperSport – kodwa kufike ixesha lokuba siqine futhi siqinisekise ukuba iqela lethu lifumana iziphumo ezihle. Akufanelanga kubekho iqela elisibethayo xa sidlalela ekhaya. Sithethile ngalo nto kwaye asikwazi ukulahla amanye amanqaku,” utshilo uKwinika obefake igowuli emdlalweni ogqithileyo. Nangona isiqalo seSuperSport besingesihlanga – kodwa iyaswabuluka ngoku. Kwiveki ephelileyo ibethele iMaritzburg United ngo’2-1 kowayo eHarry Gwala Stadium.