USesona Tshume uzithaphulele iimbasa kwitumente yemithambo eGqeberha

Sesona Tshume waseGqeberha. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ikamva lentombazana egama linguSesona Tshume liqaqambile emdlalweni wemithambo (Gymnastics). Oku kucace gca ngethuba igoduka iphethe iimbasa ezintathu zonke (eyegolide nezesilivere) kwitumente yephondo leMpuma Koloni ebibanjelwe eGqeberha ekuqaleni kwale nyanga yoMsintsi. USesona, 14, ozenzela igama kwicandelo lemithambo yintombi kaNksz. Zukiswa Tshume ongumdidiyeli weendaba zikanomathotholo zeSABC kwiphondo leMpuma Koloni. Ngethuba uninzi lwabantu lalukhonkxwe ezindlini yiKhorona kwiminyaka emibini edlulileyo, uSesona wayezilolonga engenalo iqela. Ngoba wayeyifuna le nto ayenzayo ngoku, wazifundisa ejonga iividiyo ezikuYouTube.

Walifmana iqela akulo ngoku, Ibhayi Rhythmic Gymnastics Club, emva kokuthi tshitshilili kwemifanekiso yakhe kumakhasi onxibelelwano esenza into adume ngayo ngoku. Njengokuba kwitumente yemithambo (Gymnastics) abantwana bebehlulwe ngokwamanqanaba, uSesona uye wagqwesa kwinqanaba lokuqala nakwelesibini ukuze afumane igolide neesilivere. Ethetha neli phephandaba emva kokuphumelela kwakhe, uSesona uvakalise uvuyo olukhulu – kodwa wabalula kakhulu ukuphucuka kwendlela asebenze ngayo njengeyona nto ephambili kwitumente asuka kuyo. “Bendithathe inxaxheba kwitumente yephondo leMpuma Koloni ebilapha eGqeberha. Ndiqhube kakuhle kakhulu kuyo ngoba ndibuye neembasa ezintathu,” utshilo uSesona.

Ukuzuza kwakhe iimbasa kuza kuyikhuthaza kakhulu intwazana yakwaTshume ekhula ngokukhawuleza kwicandelo lemithambo. Okwenzekileyo kuhambelana ngqo namalungiselelo wakhe uSesona oya kwitumente yezizwe zehlabathi eza kube iseYurophu kunyaka ozayo. “Okundichulumancisileyo kukuba kuyabonakala ukuba umsebenzi wam uyaphucuka. Kwisigaba sesibini endikuso ngoku, ndicinga ukuba zikhona izinto endiza kuzifunda. Inkqubela endiyenzileyo iyancomeka kakhulu,” utshilo uSesona. Kwitumente yakhe yokuqala, wanconywa kakhulu ngumqeqeshi wakhe ngelithi ungumntana ozimiseleyo futhi oluncedo eqeleni ngoba uyakwazi nokubancedisa abanye abantwana.