Ziyabethana izimvo ngabadlali beBoks!

Umqeqeshi weSpringboks uRassie Erasmus umfanekiso: Phando Jikelo/African News Agency/ANA

Ziyabethana izimvo zabalandeli bombhoxo emva kokubhengezwa kwamagama wabadlali abaza kuthatha inxaxheba kwiRugby Championship.

Umqeqeshi waMabhokobhoko, uRassie Erasmus, ubhengeze iqela labadlali abaquka uDamain Willemse weStomers, ifolosi yeLions, uCyle Brink noMarco van Staden weBulls.

Umlandeli weeBhokwe ozinze eKapa, uLisolethu Mpulampula, ukhala ngokungabikho kukaKwagga Smith weLions owenze ezibukwayo kwiSuper Rugby.

“Ndiyakholelwa kakhulu kwiqela likaErasmus, kodwa isikhalo sam sinye: uphi uKwagga Smith? Kutheni engekho kodwa yeyona folosi ebi balasele kwiSuper Rugby,” ubuzile uMpulampula.

Kanti yena uMveli Mgedezi waseQonce ulincomile iqela lika-Erasmus.

“Lihle kakhulu eli qela. Ndiyayithanda into yokudityaniswa kwabadlali abasebatsha nabanamava,” utshilo uMgedezi.

UMgedezi ukholelwa kwelokuba ubukho babadlali abafana no-Eben Etzebeth, uMalcom Marx noWarren Whiteley – abaphoswe ngumdlalo weNgilane kutshanje ngenxa yomonzakalo kuza kwenza kubekho ukhuphiswano phakathi kwabadlali.

“Ukubuyiswa kwamadoda afana no-Etzebeth, uWhiteley noMarx kunika umdla kakhulu ngoba nabo baza kuyazi ukuba funeka bezilwele iindawo zabo. Ndicinga iza kusinceda kakhulu lo nto,” utshilo uMgedezi.

Omnye umlandeli weli qela uSomila Kiva ukhalela ukungabikho kukaKwagga Smith.

“Liluqilima eli qela, kodwa isikhalazo sam kungabikho kukaCurwin Bosch noKwagga Smith. Asebenzile omabini la madoda kwiSuper Rugby, ingakumbi uKwagga,” utshilo uKiva.

IRugby Championship idlalelwa kanye ngonyaka ngamazwe amane; uMzantsi Afrika, iNew Zealand, iArgentina neAustralia.

IBoks ingquzulana neArgentina kumdlalo oza kube useThekwini. Umdlalo wokuvula itumente uphakathi kweentshatsheli, iNew Zealand neAustralia, eSydney.

Iifolosi : Cyle Brink, Jean-Luc Du Preez, Thomas Du Toit, Pieter Steph Du Toit, Eben Etzebeth, Steven Kitshoff, Siya Kolisi, Francois Louw, Wilco Louw, Frans Malherbe, Malcom Marx, Bongi Mbonambi, Franco Mostert, Tendai Mtawarira, Sikhumbuzo Notshe, Marvin Orie, RG Snyman, Akker Van Der Merwe, Marco Van Staden, Warren Whiteley.

Abadlali bangasemva: Lukhanyo Am, Ross Cronje, Faf De Klerk, Aphiwe Dantyi, Andre Esterhuizen, Elton Janjties, Jesse Kriel, Willie Le Roux, Makazole Mapimpi, Lionel Mapoe, Lwazi Mvovo, Embrose Papier, Handre Pollard, Ivan Van Zyl, Damian Willemse