Abafundi eCuba bathi basezakuqhuba nevangeli

Abafundi bezifundo zobugqirha beli loMzantsi Afrika abazinze eCuba bathi aziyonyani ingxelo zokuba batyeshela iincwadi zabo bechitha ixesha enkonzweni kamfundisi uSipho Maduna wenkonzo iThreshing Floor Bible Church.

Oku kusemva kokuthi ndii kweendaba zokuba aba bafundi abasayi emagumbini okufunda, koko bachitha ixesha bekhwaza umsindo ozayo ezitalatweni zela lizwe.

Omnye wababafundi uSiphamandla Qwabe uyaziphikisa iingxelo zokuba abafundi bayazityeshela izifundo zabo ngenxa yokuba bonwabele ukukhonza kwela lizwe.

“Aziyonyani ezi ngxelo zokuba abafundi batyeshela izifundo zabo, uninzi labafundi apha bayafunda ngohlobo olululo, mna ndivile nje ukuba ukhona lo mfundisi kodwa andimazi nokumazi, kuba andikhange ndiye,” ucacise watsho uQwabe.

Kutshanje umphathiswa wesebe lezempilo kwiphondo laseKZN uSibongiseni Dhlomo utyelele aba bafundi efuna ukuzivela ngokwakhe ingxaki yabo. Lo kaDhlomo uxelelwe ukuba akuyompazamo ukuthandaza kwaba bafundi, batsho besithi benza oku kuba abanalawulo kumoya kaThixo obasebenzisayo.

Omnye wabafundi ongavumanga kuchaza igama lakhe uthe: “Umphathiswa ebenomsindo kakhulu esixelela ukuba masohlukane nokuthandaza nokushumayela, usixelele ukuba sigxile ezifundweni zethu sahlukane nokukuthandaza kangaka.”

Esinye sezizathu esinikwa ngaba bafundi kukuba banesiyalu kwela lizwe lo nto yenza ukuba bakhethe ukukhonza uThixo ukuhambisa ixesha. Le ngxelo ihambisa ithi, aba bafundi bakwancedise lo mfundisi ngemali ukuba akwazi ukuya eCuba.

Lo mphathiswa uxelele aba bafundi ukuba naye wayengumfundi okholwayo ngexesha lakhe, kodwa akazange azityeshele izifundo zakhe. Abafundi bathi lo mfundisi uze kubo kuba bamcela ukuba eze kubashumayeza akazizeli.