Abaphumelele ukhuphiswano!

Halala! kwabaphumelele ukhuphiswano lwe-Entsimini neRasmeni Farm

UThulisile Hlaza waseMthatha

UThulisile Hlaza ngomnye wabo bathe bachongwa, waza waphumelela ukhuphiswano lokufunda simahla kwiRasmeni Farm eseFrankfort ngaseQonce. Uthi ujonge ukudlala eyakhe indima kuphuhliso lelizwe ngokusebenzisa ukulima nokufuya.

“Iinjongo zam ngezolimo nokufuya kukuphuhlisa isizwe ngenxaxheba yam. Nokuthi ndikwazi ukuvula amathuba engqesho kubantu abatsha,” kutsho uHlaza. Eli nenekazi laseMthatha alizange lizifunde kwimfundo ephakamileyo izifundo zokulima nokufuya, kodwa linawo umdla wokunaba nangakumbi.

“Andizange ndaqeqeshwa kwezolimo nokufuya, ndagqibela esikolweni ukufunda ngezifundo zolimo nokufuya, ndikulungele ukufunda izinto ezintsha,” utsho. UHlaza usebenza kumsebenzi ongesosigxina, ukwanomyalezo kubantu abatsha boMzantsi Afrika ngezolimo nokufuya.

“Akwaba wonke umntu omtsha ebenokuthathela ingqalelo ukulima nokufuya, ukuze ziphuhle nangakumbi iinkqubo zokulima nokufuya,” utshilo uHlaza.

Lubabalo Mgqatsa waseKomani

“Ndinemincili ngokuphumelela kwam olu khuphiswano! Ndinethemba nenkolo yokuba amaphupha am wokuba ngumfuyi weenkukhu ophume izandla aza kuzaliseka,” kuthetha uMgqatsa.

Uthi uneenjongo zokuba adale amathuba emisebenzi koogxa bakhe abalulutsha ukuze bakubone ukufuya njengesisombululo seengxaki zabo.

“Ndijonge ukuba ndidlale eyam indima ukukhulisa uqoqosho loMzantsi Afrika, ndikhule nangokwasezimalini, ndibe ngumfuyi weenkukhu ophumeleleyo,” kutsho uMgqatsa.

Uthi akazange aqalise nakancinci ukufumana uqeqesho okanye imfundo ehambelana nomdla wakhe wokuba ngumfuyi weenkukhu.

Aba kulindeleke ukuba baqalise uqeqesho kwifama iRasmeni eseFrankfort ngaseQonce. Baza kuqeqeshwa kwiindlela zokukhulisa iinkukhu, iihagu kwanokukhathalela izityalo.

Bathathu xa bebonke, owesithathu kubo akafumanekanga ukuba anikise ngemifanekiso yakhe nezimvo zakhe.