Abarhanelwa abahlanu bavele enkundleni ngokubulawa kuka-AKA

Abarhanelwa abahlanu enkundleni. UMFANEKISO: X

Namhlanje abarhanelwa abahlanu abayanyaniswa nokubulawa komrepha uKiernan ‘AKA’ Forbes kunye nomhlobo wakhe uTebello ‘Tibz’ Motsoane bavele kwinkundla kamantyi yaseDurban.

Aba barhanelwa nguLindani Ndimande, Lindokuhle Ndimande, Siyanda Eddie Myeza, Mziwethemba Harvey Gwabini kunye noLindokuhle Mkhwanazi.

Bajongene namatyala alishumi – aquka amatyala amabini okubulala, ukupheka iqhinga lokubulala, ukuzama ukubulala nokuba nemipu ngokungekho mthethweni.

Ityala limiselwe iveki ezayo umhla wesithandathu kweyoKwindla.

Umbuso ucele ukuba lo mba uhlehliswe ukuze kuqhutyekwe nophando kwaye banikwe ixesha lokuqukumbela iinkqubo zokubuyisela abarhanelwa ababini ababanjwe eSwatini.

UForbes noMotsoane babulawa eDurban kweyoMdumba wonyaka ophelileyo ngaphandle kwendawo yokutyela edumileyo.