Akukho ndawo yamabhoma eKapa

EKAPA:

ATSHILE amahlathi asetyenziselwa ulwaluko lwamakhwenkwe eKapa emva kokuba urhulumente wephondo egawule ihlathi lokugqibela eliseleyo lokusa amakhwenkwe esuthwini, nelime kwikona yaseMew Way nakwindlela yaseSpine ukulungiselela idepot yeR73 million eza kugcina iibhasi zikaMyCITI.

Eli lihlathi lokugqibela ebe lisele nalapho amakhwenkwe amaXhosa akhelwa khona amabhoma, kuqhutywa esi sithethe sinempandla. Amanye amahlathi sele kuhlalwa kuwo emva kokuba abahlali abadinga indawo bahlala kuwo ngendlov’iyangena. Kwagawulwa imithi nto leyo ebangela kungaqhutyelwa ulwaluko kuwo.

Isixeko saseKapa siqalise ukugawula eli hlathi kukho umkhwetha kodwa akaphazamisekanga, utshilo uBrett Herron weKomiti yezoThutho. “Salibiyela ibhoma de waphuma umkhwetha,” utshilo.

Kungokunje iinkokheli zemveli zivutha amadangatye ngumsindo zisithi urhulumente akenzi ngokwaneleyo ukukhusela esi sithethe sakwaNtu.

Usihlalo weKhayelitsha Cultural Forum, uThobile Mtotywa, uthi unyaka nonyaka aye ethathwa amahlathi asetyenziselwa ulwaluko.

“Kwakuvunyelenwe ngalo mhlaba ukuba uza kugcinelwa ulwaluko. Kukhangeleka ingathi ayinaxabiso le nto (ulwaluko) siyenzayo, kodwa thina singamaXhosa sisigcinile esi sithethe. Isixeko sisithumela kurhulumente wephondo ze yena urhulumente wephondo aphinde asithumele esixekweni, iyabhidisa nje le nto,” utshilo.

Usihlalo weKhayelitsha Development Forum uNdithini Tyhido, uthe bekufanele ukuba urhulumente uqale wabamba udliwanondlebe nabahlali phambi kokuba athabathe isigqibo sokuphuhlisa kumhlaba “ongcwele” kumaXhosa.

“Awukho umhlaba wolwaluko. Sisengxakini. Isixeko bekufanele sithathele ingqalelo izimvo zabantu phambi kokuthabatha isigqibo sokuza nophuhliso kumhlaba obuthathaka kanje,” utshilo.

ULinda Bambiso waseTown Two uthe akayazi ukuba uza kwalukela phi umninawa wakhe.

“Ubhuti wolukela kwela hlathi. Nam ngokunjalo. Siza kumsa phi lo umncinci ke ngoku? Yindawo yokugqibela le eseleyo yolwaluko. Inokuba kuza kuhamba kuhambe kolukelwe ezindlini. Ewe iya apho le nto ngoku ngoba aphelile amahlathi,” utshilo.

UTyhido uthe kuza kubanjwa imbizo enkulu malunga nombandela wokuphela komhlaba wolwaluko ekupheleni kwale nyanga.

Isixeko sithe ikhona imihlaba etyunjelwe oku eDelft, Driftsands, Khayelitsha, Lwandle, Langa naseMfuleni. Yonke loo mihlaba ayilungelanga ulwaluko nanjengoko sekwahlala abantu.