Aliwuvali umlomo ixhego laseDeberha

Utata waseDeberha eNgcobo uNtuthuzelo Koni owatshelwa ngumzi wakhe akawuvali umlomo emva kokuba kule nyanga yokukhunjulwa kokuzalwa kukaNelson Rholihlahla Mandela, ethe wancunyiswa ngumnikazi weqela lebhola iChippa United, uSiviwe Chippa Mpengesi, ngokuthi amakhele indlu kanokutsho kwaye esele inazo neempahla zangaphakathi.

UKoni uthi khange ayilindele into eyenziwe kuye emva kokungabinamzi ixesha elide.

“Enkosi ngobukho bakho Mpengesi, inkulu into oyenzileyo kuba zange ndenzelwa nto oko ndabakhoyo,” utshilo uKoni.

Le ndlu uyinikwe ngokusesikweni yiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane nobezimase lo msitho.

UMpengesi uthi ethe gqolo nje enceda abangathathi ntweni kukuba intsokolo uyazela kuye emva ekukhuleni kwakhe.

“Sigqibe ekubeni utata simnikeze indlu yakhe kanye ngale nyanga yokuzalwa kukaMandela. Emva kokuva ngeNkulubaphathiswa ukuba kunotata owatshelwa ngumzi zange sithandabuze ngokunceda kuba ndikhulele kwikhaya elitsala nzima,” utshilo uMpengesi.

Uthi le sele iyindlu yeshumi kwabazinike abasokolayo kweli phondo. Uqhube wathi baseza kuqhubekeka ukunceda uluntu, baphuhlise nabantwana abancinci kwanamakhaya asokolayo beyiChippa United.

Naye uKoni ngoku unomzi omhle uza kutsho afane nabanye ootata eDeberha.

UMabuyane uthi bonke abantu beli loMzantsi Afrika bafanele ukubanendawo yokuhlala kwaye bahlale eluxolweni.

Uthi okwenzeke kule lali nakutata uKoni kwakuhlala kusezingqondweni kubantu ebebezimase lo msitho kwaye kutyaleke nakwabakhulayo.

“Siphuma kwiindawo ezinje. Ndizalelwe apha, ndakhulela apha, ndenza yonke into apha eDeberha, kwaye utata lo wayesebenza notata wam kudala. Siyabulela kuChippa Mpengesi ngesisa sakhe kuKoni kwanezinye iinkampani abambisene nazo, sibamba ngazo zozibini. Sikhumbula uMandela owancama konke encamela uluntu. Sithi enkosi!” utshilo uMabuyane.

Indlu inamagumbi amane ngaphakathi kwaye anefenitshala onke. Okulindeleke kuTat’ uKoni kukungena ngaphakathi nesiqu sakhe kuphela.