Amadoda afana ngeentshebe kuphela

Iqhalo elithi amadoda afana ngeentshebe kuphela liphinde lazalisekisa kwakhona izolo kwinkqubo yoMhlobo Wenene FM ethi Ukholo neNgqiqo ebhexeshwa nguMfundisi uMzukisi Faleni. Kule nkqubo, ebanjwa rhoqo kusasa ngeeCawe, kubakho isihlokwana esithi Ezamakhaya.

Njengokuba sizixela isihlokwana esi, kuye kuxoxwe ngemiba echaphazela amakhaya ingakumbi imitshato. Izolo umbuzo ubujolise kumanina usithi: Ingaba wakhe wadlengulwa kwaye ikuphatha njani lo nto kumtshato wakho?

Umnxeba wokuqala uthathwe kwinkosikazi ethi yadlwengulwa nguyise wayo ngo2007, ngethuba ineminyaka elishumi elinesine. Isehlo esi senzeka emva kokuba le ntwazana yacelwa nguyise ukuba ikhulule ikawusi zakhe. Wamthi hlasi umntwana wakhe emva kokukhululwa kwezokawusi wamphosa ebhedini wamdlwengula.

Le nkosikazi ixelele uFaleni ukuba esisehlo sabangela uqhawuko-mtshato phakathi kukayise nonina (step mother).

Ibali liqhuba lisithi akukhange kube lula ukuthetha ngoku kule ntwazana. Ithi iqale ikuyibika le nyewe ngo2009.

Kodwa imimangaliso kukuba le ntwazana ithe yafumana umtshato kamva, futhi yafumana indoda ekwazileyo ukuyincedisa ukuba iqubisane nalomkhwa.

Le ntwazana ithi ihlala icinga ngesisehlo kodwa ikwavakalise ukuba uncedo nenkxaso ayifumane kumyeni wakhe, ikwazile ukumenza ukuba angafi yedwa sesisilonda sangaphakathi. Emva kwalomnxeba, umvelisi wenkqubo le uMfundisi * -Otto Makalima uhlafune la mazwi esithi oku kubonakalisa ukuba hayi onke amadoda anoburhalarhume.

“Enye (indoda) iphethe kakubi umntu wasetyhini kwelicala, logama enye izama ukungciba esosilonda,” utshilo uMakalima. Sikwiintsuku ezilishumi elinesithandathu zokuthi phantsi ngokuphathwa gadalala koomama neentsana.

Amadoda aphatha kakubi oomama neentsana, asingomadoda okwenene. Abo bangamadoda okwenene, mabakhusele oomama neentsana zabo bayeke ukujika babezizilwanyana kubo. Uxhatshazo alunandawo eMzantsi Afrika.