Amadoda amahlanu afunyenwe eze, ebhubhile!

Amapolisa aseMount Fletcher aphanda malunga netyala lokubhaqwa kwamadoda amahlanu angaziwayo sele ebhubhile kwilali yakuKetekete emva kokubethwa ngabahlali bala mmandla kuba bekrokreleka ukuba esi sihlanu liqela lemigulukudu elisuka kummandla waseMafusini.


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula ngingqi uKapteni Raphael Motloung, esi sihlanu samadoda sibhaqwe sele sihamba ngaze sibotshelelwe izandla ngentambo.

UMotloung uthi kukrokreleka ukuba emva kokuba abahlali bebulele la madoda mahlanu, bathathe le mizimba yawo bayokuyinyengeza ecaleni kwedami. Amapolisa ayaqhubeka nophando nanjengoko bekungekabanjwa mntu.

Kusenjalo, amapolisa aseMaluti afunisa ngendoda edukileyo egama linguSolomon Tobia (51). 

Indoda le igqityelwe ukubonwa ngomhla wesibini kule nyanga izimase umcimbi kwilali yaseZwelitsha eMaluti.

Ingxelo ithi akazange aphinde abonwe kwaye abuyele nakowabo kude kube ngoku.

 UMotloung uthi amapolisa kudala egqogqa ngezinja ekhangela uSolomon kodwa nkqi ukubonakala.