AmaMfengu aseZimbabwe abambe umbhiyozo

Isizwe samaMfengu esizinze kwilali iMbembesi eZimbabwe sibhiyozele ukutyikitywa kwesivumelwano phakathi kwamaNgesi namaMfengu ngomhla we14 kwinyanga uCanzibe ngo1835.

Intente ibizele ngabahlali abasuka kwiilali ezingqonge iMbembesi nabanye abasuka eMzantsi Afrika, nabo bezokuvuyisana namaMfengu, ngokokutsho komququzeleli walo msitho uAyanda Nyilika.

UKumkani Zwelonke Sigcawu akaphumelelanga ukuyozimasa laa msitho njengoko bekuhleliwe kwaye indawo yakhe ithathwe yiNkosi uAbongile Ndevu.

“Bekukho neenkosi ezisuka Komkhulu kuGatyana ebezithunywe nguKumkani Sigcawu. UKumkani khange aphumelele, uthumele igqiza leeNkosi eziphuma kuGatyana naseNgqushwa. Eli gqiza belikhokelwe yiNkosi uAbongile Ndevu waseXhorha,” kutsho uNyilika.

UNgozi uthe “UKumkani Zwelonke kude kwayizolo sisendleleni ezapha sonke, kodwa eyenza lo nto yozibophelela ukuza apha ezazi ukuba impilo yakhe ayimphathanga kakuhle. Kodwa usoloko esithi andikwazi ukuphoxa abantu bam baseZimbabwe, kuba bayakholelwa ukundibona ubuso ngobuso. Uye wasiqokelela sonke eDutywa wasicela ukuba size apha kuba engaphilanga kwaye akadelelanga.”

UNgozi ubalisele le nginginya ngembali yamaMfengu kusukela ekufikeni kwawo kumhlaba kaKumkani Hintsa ukuya kwixesha lokudibana kwesizwe nabelungu.

La MaMfengu afika eZimbabwe esuka eMpuma Koloni nooCecil John Rhodes bengabasebenzi bePayineri (Pioneer Column).

Abanye babo babencedisa la maNgesi bengamajoni omkhosi kwaye abanye bengabasebenzi. Baya phayana neenkosi zabo kodwa ngoku baphethwe yiNkosi uDumisane Ndondo.

“Unobangela wokwenza lo msitho, kukuzama ukuvuselela isizwe sakowethu samaMfengu esigqunywe lilifu elimnyama. Noko ndiyavuya abantu bebephumile naxa uKumkani engaphumelelanga siyixelelwe ingxaki yakhe kwaye simthandazele singamaMfengu simnqwenelela aphile ngokunaphakade,” kutsho uNyilika.

UNombulelo “DJ Mntase” Masoka ongumsasazi kwinkqubo Radio Xhosa kwisikhululo sikanomathotholo iKhuluma FM uthi yena “AmaMfengu ebephumile kuba benxanelwe ukubona ngale mini abayiva xa kuncokolwa ngembali yamaMfengu. Kuqalwe kwayiwa kumlambo uSomwahla apho kungeniswe inkonzo ngabefundisi bemvaba ngeemvaba zetyalike bekhonza kwaye bemdumis’ uThixo.

“ Uqhakamshelwano phakathi kwesizwe samaMfengu eMbembesi nabahlobo babo aph’eMpuma Koloni alukaphuhli, oko kudizwe yiNkosi uManduleli Zanokhanyo Bhikitsha waKomkhulu eNtshatshongo kuGatyana.

Uqhube wathi “Asiyifumananga imbalelwano esuka kwelikaMzilikazi, kodwa sivuyisana nabantakwethu xa bekhumbula le mini eyenza imbali.