UMzantsi Afrika ziingqongqo zamanye amazwe kwindebe yehlabathi!

India's MS Dhoni (right) in action during the ICC Cricket World Cup group stage match at the Hampshire Bowl, Southampton.

Ngaphandle kwamathandabuzo,
iqela loMzantsi Afrika leqakamba ziingqongqo zamanye amazwe kwindebe
yehlabathi. Lo nto icace gca emva kokuba iProteas ibethwe yi-India ngoothinti
abathandathu bonke namhlanje eSouthampton kwilizwe laseNgilane. Ukapteni
weProteas, uFaf du Plessis, uphumelele itosi namhlanje wakhetha ukuqhokra
kuqala into angayenzanga emidlalweni emibini egqithileyo. UMzantsi Afrika ukhutshwe
wenze ibathwana lamakhulu amabini anamashumi amabini anesixhenxe (227/9)
lemitsi kuwe oothinti abalithoba bonke. Lowo ibingengomsebenzi onzima konke
konke kwi-India ebiqala ukudlala kwindebe yehlabathi namhlanje. Ukungakwazi
ukufika kumakhulu amathathu kuvele kwawubeka endaweni embi ngakumbi uMzantsi
Afrika obufuna ukuphumelela umdlalo wawo wokuqala eNgesi.

UKagiso Rabada
uzamile ukuphizamisa umdlali we-India ophambili, uRohit Sharma, ngeebhola ezinzima
– kodwa elo linge lakhe aliphumelelanga ngenxa yobuchule bakhe (umdlali
wase-India) bokubetha ibhola. Uye wabaxaka abadlali boMzantsi Afrika umfo
kaSharma wade wafumana ikhulu elinamashumi amabini anesibini (122) emitsi emdlalweni.
Omnye umdlali we-India oqhube kakuhle emdlalweni ibe nguDhoni – oqhokre imitsi engamashumi
amabini anesine (34). Nangona imidlalo iseliqela ezayo – kodwa akusekho themba
kwiProteas ngenxa yendlela embi edlale ngayo emidlalweni emithathu. Amadoda
ebekuthenjelwe kuwo anjengoHashim Amla noQuinton de Kock akakwazanga ukwenza umahluko
namhlanje – kowona mdlalo ebekunyanzelekile uMzantsi Afrika uwuphumelele ukuze
kubuye ukuzithemba ebadlalini. Mhlawumbi ukungabikho kukaDale Steyn,
ongazukudlala kwindebe yehlabathi ngenxa yokonzakala, kunomthelela kwindlela
iqela likaFaf du Plessis elidlala ngayo.