‘Amandla ePAC akumasebe’

NANGONA kukho iyantlukwano kumbutho wePAC, kukho intsebenziswano emandla kumasebe alo mbutho. Oku kuthethwe ngusihlalo walo mbutho eMpuma Koloni uKhwezi Dalasile.

Lo mbutho womeleze amasebe ngokuthi ugcine uninzi lwabo babengooceba ngokuthi ubabeke phambili kuluhlu labagqatswa, nangona abanye babo beseyinxalenye yeyantlukwano kwiikokeli.

“Iyantlukwano yinto esiyishiya ngasemva, ligcuntswana lamalungu elichasene nentsebenziswano phakathi kwamalungu ombutho,” utshilo uDalasile.

Ukwathe iPAC ayingombutho nje unembali yomzabalazo, ikwangumbutho ongazange ungcatshe uluntu, kwaye injongo yawo kunyulo ekujongwe kulo kukubuyisa isidima soluntu.

Uthe, “Ubuqhophololo norhwaphilizo esilibona kulo mbutho ukukholeyo kukungcatsha uluntu kuba ngethuba lemibutho yayizabalaza, injongo yayikukufezekisa iimfuno zoluntu, hayi ezeenkokeli.”

Izithembiso zePAC kuluntu lweli kukuba lo mbutho uzakumamela iimfuno zoluntu ngokweendawo elihlala kuzo, ukuze ukhokelise ezona zinto zibalulekileyo kwezo ndawo.

“Oomasipala bePAC bazakugxila ekudaleni amathuba emisebenzi, ngakumbi kulutsha. Sifuna nokwakha intsebenziswano namaziko emfundo ephakamileyo kuphuhliso lezakhono, sixhase oosomashishini abasakhasayo, kwakunye nabo banomdla wokuqala amashishini,” utshilo uDalasile.

Ukwathe lo mbutho uzakuseka urhulumente ongenachaphaza lobuqhophololo, kwaye uqeshe abantu abanezakhono zokwenza umsebenzi nokuba bangamalungu amanye amaqela.

Amagqala alo mbutho amemelela ukupheliswa kweyantlukwano kumngcwabo welinye lamagqala uClerence Makwetu, ngelithi lo mbutho mawuqalwe phantsi wakhiwe ngokutsha. UDalasile uthi,

“Sonke siyayifuna imanyano yePAC, kodwa asikwazi ukuthi xa kukho iingxaki sithi makuchithwe umbutho. Lo mbutho unomgaqosiseko, kwaye amalungu avulelekile ukuba angeza anike izimvo zawo. Ukuba sizokwenza esikuxelelwa luluntu rhoqo, nabaneenjongo ezingenanto yokwenza nokwakhiwa umbutho bazakufika basixelele ukuba masichithe.”

Ukwathe koomasipala abangamashumi amabini ananye ezakuthatha inxaxheba kubo iPAC bamkelwe ngezandla ezishushu ngethuba bekhankasa.