Amapolisa ebengenayo iPin Code yokufowuna asindise ubomi bukaNjobe

Amalungu e-ANC kumngcwabo kaThozama Njobe owayesakuba nguSomlomo womasipala iRaymond Mhlaba, eBhofoloUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UNOBHALA weANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ugxeke amapolisa esithi mhlawumbi ngesindile uThozama Njobe, uSomlomo waseRaymond Mhlaba obhubhe emva kokudutyulwa, ukuba amapolisa ebengazange alandule esithi akanaPin Code yokufowuna ukusindisa ubomi bale nkokeli yeANC.

UMabuyane uthi izigrogriso ngakuNjobe zivele kwiintsukwana phambi kokuba adutyulwe kwisithutha ezingangeeveki ezimbini ezidlulileyo. UNjobe (46) emva kokudutyulwa ngeembumbulu ezilishumi elinesithandathu ngaphandle kwekhaya lakhe kwilokishi iNew Town, eBhofolo, kwisehlo ekukholeleka ukuba siphenjelwe zezopolitiko.

UMabuyane uqinisekise kwiphephandaba, I’solezwe lesiXhosa, ukuba bekukho izigrogriso kubomi bukaNjobe.

“Ewe bezikhona izigrogriso futhi lo mba uye wabikwa emapoliseni, kodwa akukho nto ibonakalayo ethe yenziwa ukusindisa ubomi bukaThozama.

“Kwankqu nakusuku phambi kokuba abulawe uThozama, iqabane lethu laya kumapolisa akufuphi nakwa-N.U. 12 eMdantsane, apho ebehlala khona uThozama, liyokubika ukuba ubomi bukaThozama busemngciphekweni, amapolisa athi akukho Pin Code [uhlobo lwenombolo esetyenziswa phambi kokuba ubani afowune] yokufowuna,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi umsebenzi wamapolisa yinxalenye yomsebenzi karhulumente wokusa iinkonzo eluntwini. “Kungelishwa xa amapolisa eqhuba ngolu hlobo. Amapolisa ngabona bantu sithembele kubo, asiyazi ke xa siphoxwa ngabo ukuba sakubalekela phi na,” utshilo uMabuyane.

Isithethi samapolisa ephondo uColonel Sibongile Soci akakhange abuyele kuthi neempendulo, ngethuba lokupapashwa kweli nqaku, nangona nje ebethembise ngelithi usebenza kuzo.

Kusenjalo, bethetha ngomama wabo – kumngcwabo obubanjelwe kwibala lezemidlalo iZwelitsha, kufuphi nedolophu yaseBhofolo kuMgqibelo weveki ephelileyo – abantwana bakaThozama bathi bakuhlala bemkhumbula umama wabo njengomntu obenothando futhi ekonwabela ukuchitha ixesha nabantwana bakhe.

Intombi kaThozama uNosisi Njobe uthi umama wakhe ebenothando.

“Umama ebesithanda singabantwana bakhe. Ebesivusa nasekuseni xa esuka kwiindibano zeANC, efuna sincokole iindaba ezihlekisayo. Silahlekelwe thina, silahlekelwe ngumama nangumhlobo.

“Umama ebesibiza mntase, abantu bade babuze: ‘hayibo, ayingobantwana bakho aba?’. Umama ebethanda ukusibona sinxibe kakuhle, esithi akafuni ukusibona sihlekwa esitalatweni. Usithandile singabantwana bakhe, esikhulisa eyedwa,” utshilo uNosisi.

Omnye weentombi zikaThozama uBabalwa Njobe uthi umama wakhe ebemthanda umntu oxabise imfundo.

“Umama usweleka kulo nyaka bendibuyela ngawo esikolweni. Umama uvuye kakhulu xa esiva ukuba ndibuyela esikolweni, ngoku usishiyile.

Ukuba bendingakhange ndidlale ngeminyaka yam ngaphambili, ngendikude ngoku – kodwa ke akukho ngxaki, uThixo ukhona.

“Kulo mntu odubule wabulala umama wam, akabulelanga yena yedwa – ubulele thina sonke. Kubi kuthi ingakumbi ngexesha lokulala xa sicinga ngomama wethu,” utshilo uBabalwa.

UMabuyane uthi uNjobe ebengathengisi ngenyaniso. “Xa into imhlophe kuye ibibamhlophe, ze xa imnyama ibemnyama. Ebethembeke kakhulu, futhi ezinikele kwiANC,” utshilo uMabuyane.

Phakathi kweenkokeli ebezizimase lo mngcwabo kuquka ilungu lekomiti ephezulu kwiANC uFikile Xasa, obesakuba ngunondyebo kazwelonke kulo mbutho uMathews Phosa, uSomlomo wePalamente yephondo uNoxolo Kiviet, ukubala nje abambalwa.