Amasela abe iigusha eDutywa

Amapolisa aseDutywa abongoza nabani na obone iigusha ezingamashumi amane anesihlanu (45) ezinenombolo eluhlaza ebhalwe PV ukuba anxulumane nawo.

 Ezigusha zibiwe kwilali yaseMagiqweni eTaleni eDutywa ezinzulwini zobusuku bangoLwesithathu kule veki.

 Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi inkosikazi yalo mzo ive izinja zikhonkotha.

 “Xa ikroba ibone amadoda amathathu evula usango lweyadi, emva koko aya ebuhlanti akhupha iigusha ezingamashumi amane anesihlanu kwakunye namatakane amahlanu,” kutsho uManatha.

 

Ezigusha zilahlekileyo zixabisa imali engange-R55 000.

UManatha uthi zizonke iigusha zalomzi zikwikhulu elinashumi amane anesithathu (143). Uphawu lwazo zizikeyi ezibini kwindlebe yasekunene.

 Ozibonileyo ubongozwa ukuba atsalele amapolisa aseDutywa ku: 047 489 1333.