Amatyendyana aseMthatha agqobhoza kwimarike yabamhlophe

Abavelisi bamanzi acociweyo UThando Phantsi oncedisana nomseki we-Aqua TK Mineral Water uKhanya Mngqibisa.UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

BANCINCI, bafunda uGrade 12 kodwa sele bengoosomashishini abangene kwimarike engafane icingwe ngoosomashishini abasakhasayo abamnyama.

Lowo nguThando Phantsi noKhanya Mngqibisa beAqua TK Mineral Water, eshishina phantsi kweemfefe zeAqua TK Trading Enterprise.

UPhantsi (17) noMngibisa (16) benza uGrade 12 eSt Johns College eMthatha. Igama elithi Aqua TK lithathwa kwigama likaThando noKhanya.

Emva kophando olunzulu la matyendyana agqiba kwelokuqala ishishini lamanzi acocekileyo athengiswa ngeebhotile zeplastiki.

Olu hlobo loshishino londele kakhulu kwinkampani ezinkulu zabamhlophe kodwa esi sibini sithi sizimisele ukuyitshintsha yonke le meko.

Ukuza kuthi ga ngoku, la matyendyana athi onelisekile yindlela oluqhuba ngayo ishishini labo ukusukela oko beqale kunyaka ophelileyo.

Ethetha nephephandaba I’solezwe uMngqibisa uthi bafumanisa ukuba ushishino lamanzi acocekileyo akwiibhotile lukhula ngendlela engummangaliso.

“Saye saphinda sabona ukuba abantu abamnyama asiloshishino balujonge kakhulu olu. Yiyo le nto sagqiba kwelokungena kolu hlobo loshishino,” utshilo uMngqibisa.

UMngqibisa uthi amanzi acocekileyo yimpilo kwaye uthi oku yinto abafuna ukuyibethelela kubantu abamnyama.

UMngqibisa uthi amanzi abo avela phantsi komhlaba emva koko bawacoce. Kulo msebenzi baqashe abantu abathandathu ngokusisigxina ze ishumi elinesibhozo libephantsi kwengqesho yesingxungxo.

Esi sibini siza kuqhuba neshishini lalo nasemva kokuphumelela uGrade 12. UMngqibisa uzakuhlala eMpuma Koloni ukukhulisa imarike logama uPhantsi ezakuba seRhawutini ngeenjongo zokuvula isebe elitsha kweliya phondo.

Ngonyaka ka2019, uMngqibisa noPhantsi banqwenela ukuba imveliso yabo ibekwiMpuma Koloni iphela.

Okwangoku iivenkile abathengisa imveliso yabo kuzo eMthatha nguJimmy Spar, Food Lovers, Superspar/Spargs noJimmy Pork and Chicken.

Ngethuba iANC yaseMpuma Koloni ibibhiyozela iminyaka elikhulu elinesihlanu yasekwayo kumsitho obubanjelwe eMthatha, uMngqibisa noPhantsi bathe baxhasa ngeebhotile zamanzi ezingamakhulu amahlanu ukunceda ukuthoba unxano kuloongqatsini yelanga.