Awuphumelelanga umzamo weANC wokucima ubhaliso lweMK Party

Imibutho kaMongameli uCyril Ramaphosa kunye nowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma bayajijisana ezinkundleni.

Ngaphandle kokuba iAfrican National Congress (ANC) isamkele isigwebo senkundla sokubhengeza umbutho, uMkhonto weSizwe Party (MK Party) kaMongameli weli wangaphambili uJacob Zuma njengosemthethweni, ilungiselela ukubandakanyeka kumadabi asenkundleni neMK Party malunga negama lalo mbutho kunye nephawu yawo.

Oku kwenzeke njengoko omabini amaqela ezopolitiko elungiselela ukuya kwiNkundla ePhakamileyo yaseThekwini ngoLwesithathu, kwesi sihlandlo malunga nomba wophawu loMkhonto weSizwe.

I-ANC ithe uMkhonto weSizwe liqhayiya labo kwaye ayizukuvumela abachasene nenguqu ukuba bawube.

“Iphawu negama loMkhonto weSizwe lilifa kunye nobukrelekrele beANC (intellectual property), asizukuvumela abachasene nenguqu ukuba baxhwithe umbutho wethu ukuze bazuze ngawo,” itshilo iANC kwingxelo.

Oku kuza emva kokuba umbutho olawulayo ungaphumelelanga ezinkundleni ukucima ubhaliso lweMK Party kaZuma kwiKomishini yolonyulo yoMzantsi Afrika (IEC).

NgoLwesibini, inika isigwebo, iNkundla ePhakamileyo yaseGoli ithe iANC ayinasizathu sibambekayo kwaye isicelo sachithwa.

UJaji Lebogang Modiba uthe akukho nto ichasene nomthetho malunga nokubhaliswa kombutho weMK Party, watsho esithi iANC yoyisakele kumatyeli amabini ukuphikisa ubhaliso ukusukela oko wasekwayo lo mbutho.

Oku kuthetha ukuba iMK Party ingakhankasa kwilizwe liphela ngaphandle kwezithintelo.

Nangona kunjalo, iANC igxeke i-IEC ngokusilela ukubhengeza isicelo esitsha seMK Party. Bathe bambalwa abantu ababesazi ngesi sicelo, kwaye bakuba besazi ukuba inkqubo yobhaliso eyalandelwa yi-IEC yayingekho mthethweni, baye baya kwiNkundla yoNyulo ukuphikisa inkqubo eyalandelwa yi-IEC xa yayibhalisa iMK Party.

Lo mbutho ulawulayo ubanga ukuba ityala ibingelokuchasa iMK Party kodwa indlela i-IEC eqhube ngayo inkqubo yobhaliso.

“I-ANC iyayamkela into yokuba bonke abemi boMzantsi Afrika banamalungelo kwiinkululeko ezithile ezisisiseko, phakathi kwazo lilungelo lokujoyina okanye lokuseka umbutho wezopolitiko ozikhethele wona. Le yinkululeko esisiseko esasiyilwela,” itshilo.