Ayaphixana amaxhoba kaDalindyebo

Amaxhoba kaKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo angunobangela wokuba abeseluvalelweni ashiyeke enyolana odwa emva kokunyamalala kwenkampani ibisakha izindlu zentuthuzelo.

UMbuzeni Makhwenkwana waseTyhalarha olelinye lamaxhoba okutshiselwa umzi nekwabangela ukuba kubanjwe kuvalelwe iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, uthi kuthwa nguye obangela ukuba zingagqitywa ezi zindlu.

“Ndisengxakini ngoku kuba abantu bacingela ukuba ndim olibazisa ukugqitywa kwezindlu zabo, izindlu ziqale ukwakhiwa ngo2016 kusithwa ziza kugqitywa ngo2017, zimile ngoku siyazigqibezelela,” uthethe watsho uMakhwenkwana.

Emva kokubanjwa kuvalelwe iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo ngokutshiswa kwamakhaya, amasimi nemfuyo kwavela uMsamariya olungileyo owazinikezela ukuba uza kwakhela iintsapho ezintathu ezachaphazelekayo.

“Umntu ngamnye kuthi wakhelwa indlu enguronta nendlu enamagumbi amathathu ezimeleyo, ngoku azinasilingi, azinaglasi ezifestileni ezinye azipeyintwanga, siyazenzela,”utshilo uMakhwenkwana.

Umntu ekuthwa nguGqwetha nguye owafika esenza lo msebenzi kungekho lwazi laneleyo ngendawo oluvela kuyo olu ncedo.

UNocingile Sonteya watshiselwa iigusha, ubuhlanti namasimi kuquka nezindlu zakhe.

“Ndisandula kungcwaba umyeni wam, ndinyanzeleke ukuba ndizigqibezelele ngokwam ezinye zezindlu ebesizakhelwa apha, besicinga ukuba luxolelwano, ngoku sikrokrelana sodwa ngezinto ezingekhoyo,” uthethe watsho uSonteya.

ULoyiso Mtirara ngomnye wabantu abaziwayo ngaba bahlali ukuba wayeququzelela ukwakhiwa kwezi zindlu.

“Andinalwazi nam ukuba bayephi aba bantu izindlu zingagqitywanga, umntu ekuthwa nguNdamase wayeze kakuhle ngeenjongo zokuba kwakhelwe aba bantu njengentuthuzelo,” utsho uMtirara.

UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo ujijisana neminyaka elishumi elinesibini emva kokuba wathi wagwetywa yinkundla ephakamileyo eMthatha.

Iinzame zokukhululwa kwakhe phambi kokuba agqibe ixesha lakhe azizange ziphumelele, abaThembu eMpuma Koloni naseKapa benza iinzame zokuba akhululwe uDalindyebo.

Unyana wakhe uAzenathi Dalindyebo waba libambela emva kokujijisana nabo babengavumi.

Ukanti othethe egameni lobuKumkani babaThembu, uNkosi uZwelenqaba Mgudlwa, uthi bayazana nale ngxaki yala maxhoba.

“NgeCawa besibambe intlanganiso ngelizama ukufumana isisombululo emva kokuva ukuba kukho ingxaki malunga nokugqitywa kwezi zindlu,” uthethe watsho uMgudlwa.

Uthi kukho intlanganiso elandlelayo ezakuthatha isigqibo ngokumele kwenzeke ngala maxhoba.

“Kukho ingxaki yokungenelela kwezopolitiko kule ngxaki, sisazama ukufumana iimpendulo kwimibuzo emininzi ekhoyo,” utshilo uNkosi Zwelenqaba Mgudlwa.

UNdamase noGqwetha abayibambi iminxeba yabo ukuchaza ukuba kutheni zingagqitywa ezi zindlu.

“Mna ndisengxakini ngoku kuba abantu bacinga ukuba ndim obangela oku kulibaziseka, ezi zinto zokwakha zazifikela kum ngoku bekuqala ukusetyenzwa,”utsho uMakhwenkwana.