Bafumene izakhono besebenzela urhulumente

ULUNTU laseMdantsane obeluyinxalenye nomsebenzi wokuvuselelwa kwesakhiwo senkundla yamatyala eMdantsane lufumene izakhono eziyintaphane zokuzifunela eyabo imisebenzi.

Oku kuza emva komsitho wokunikezelwa ngokusesikweni kwesakhiwo esitsha senkundla yamatyala eMdantsane izolo.

Lo msitho ubuzinyaswe ngusekela mphathiswa wesebe lezemisebenzi yabantu (Public Works) uJeremy Cronin. Esi sakhiwo nesakhiwa ngeminyaka yoo1970 ngexesha lorhulumente wengcinezelo besiye sifumane iingxaki zokuhlaselwa ngumoya ovuthuza ngamandla kuphakame uphahla, nokuvuza kwamanzi eluphahleni xa kukho izantyala-ntyala zemvula.

UCronin uthe: “Kukho ingxaki yokungaphunyezwa kwemisebenzi ngendlela esulungekileyo kweli sebe, kodwa ngentsebenziswano phakathi kwabo bathe bathatha inxaxheba kulo msebenzi, kukho inkqubela phambili ekusulungekisweni kwemisebenzi.”

UCronin uyichaphazele into yokuba kulo msebenzi isebe lizamile ukucutha intswela ngqesho ngokuvulela amathuba uluntu laseMdantsane neziphaluka imisebenzi. Kwabasebenze apha kuphume izakhono zobuchweli, abakhi ngesitena, nabapeyintayo.