Bafuna izixhobo zokukhusela abakhwetha

Iinkokeli zesiko lolwaluko kwingingqi yaseMatatiele, eMaluti naseMaclear ziyayigxeka indlela ekwabiwa ngayo iinqwelomafutha ezisetyenziselwa ukubeka iliso iingxaki zokwaluka eMpuma Koloni.

Othethe egameni leli gqiza uMalunga Mkhatshane uthi bayaludinga uncedo lukarhulumente. “Sifumana uncedo oluvela kumasipala kuphela asifumani zinqwelo mafutha zaneleyo kwela cala kuba kuthiwa asinazingxaki thina kwela cala,” uthethe watsho uMkhatshane.

Uhambisa athi, iingingqi zase- Matatiele, Maluti naseMaclear azifikeleleki lula xa kukhangelwa iingxaki zabakhwetha. “Sineentaba ezifihlakaleyo, kwaye abantu bela cala bayazifihla kakhulu izindlu zabakhwetha (Hlubi) siyasokola ukufika kwezinye iindawo,” utsho. Abantu bezi ndawo baquka amaHlubi, abeSotho kunye namaXhosa.

Ingxelo ithi, ezi ngingqi azinazo iingxaki zokubhubha kwabakhwetha, kodwa bayagula njengabanye abafumana ingxaki. “Ngonyaka ka 2014 sibhujelwe ngabakhwetha abathathu sasiqala sagqibela asizange siphinde sibone umkhwetha obhubhileyo eMaclear, Matatiele naseMaluti,”uhambisa atsho uMkhatshane.

Uthi ngonyaka ka 2015 ngamawaka amane abakhwetha abebekho kwezi dolophu zontathu. “Akukho namnye umntwana okhe wabhubha kulo nyaka uphelileyo nangona singenazo iinqwelo mafutha zokuya kwezi ndawo zifihlakeleyo baluselwa kuzo aba bantwana,”uthethe oko uMkhatshane.

UMkhatshane uthi, ngabakwetha abangamakhulu asibhozo namashumi asibhozo anesibhozo abathe babonana namagosa esebe lezempilo ngenxa yeengxaki ezithile ezibangele ukuba kungabikho umkhwetha ubhubhayo kula ndawo.

Ethetha naba bebezimase lo mcimbi umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli uFikile Xasa uthi bazakusebenza nzima ukukhusela abantwana.

“Akwaba sonke besiya kuzimisela ukuba akukho mntwana ozakubhubha ngenxa yolwaluko kulo nyaka, kuyadanisa ukubona abantwana bebhubha bephuma kumakhaya anamadoda afanelekileyo xa uwajongile,” ucacise watsho uXasa.

Ziinkosi zeendawo zazo ekumele ukuba zijongane neengxaki ezihlala kuzo ngaphandle kokungenelela kwethu siliphondo. Asinakubakho kuyo yonke indawo asingomoya oyingcwele, sizakunika inkxaso kwiinkosi kwiindawo ezinengxaki, iiNkosi ngabagcini bamasiko, inkcubeko nezithethe zezizwe zabo, Asikhalali nto sibanika ithuba lokuba babonakalise ukusebenza kwazo. Ukusukela kwiveki ezayo lizakonyuka inani lamakhwenkwe ayokoluka.