Bakhululwe ngebheyile abarhanelwa abalishumi kwityala lobuqhophololo eFort Hare

IYunivesithi yaseFort Hare. Umfanekiso: UFH

Abarhanelwa abalishumi abaquka ababekade bengabasebenzi kunye nababoneleli ngeenkonzo banikwe ibheyile yeR50 000 umntu ngamnye.

Abarhanelwa bavele kwinkundla kaMantyi yaseDikeni ebichotshelwe eDimbaza ngoLwesine, abanye abathathu bagcinwe eluvalelweni de bavele kwakhona enkundleni.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi ligqibe kwelokuba lingayichasi ibheyile yabarhanelwa abalishumi, kulandela izinto ezithe zavela kweli tyala.

Njengenxalenye yemiqathango yebheyile, kulindeleke ukuba baye kwizikhululo zamapolisa ezikufuphi kubo ngooLwezithathu banikezele iipasi zabo kumcuphi.

Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthe ukusukela ngoLwesihlanu, umbuso uzakuyichasa ibheyile yabarhanelwa abathathu kwabalishumi elinesihlanu.

Aba bathathu baquka lowo utyholwa ngokuba ngungqondongqondo, uIsaac Plaatjies, umhlobo wakhe, uTerrence Joubert kunye nowayesakuba ngunogada womrepha ongasekhoyo uAKA, uAnwar Khan.

Abatyholwa kweli tyala batyholwa ngokwenza iyelenqe lokukhupha iikhontrakthi zethenda ngobuqhophololo, ukuze batyebise iipokoto zabo.

Le Yunivesithi ihlawule imali engaphaya kwekhulu elinamashumi asixhenxe ezigidi zeerandi (R170 million), inkuntyula yemali ekutyholwa ukuba iye yangena kwiipokotho zabasebenzi bale Yunivesithi abatyholwa kweli tyala.

Ezi khontrakthi zethenda ziza phambi kokudutyulwa kwabasebenzi abaphezulu kwiYunivesithi yaseFort Hare.

UPlaatjies ukwabekwa ityala nabanye abantu abalithoba, lokubulala umphathi wezithuthi kwiYunivesithi yaseFort Hare, uPetrus Roets kunye nonogada kaSekela-Ngqonyela uSakhela Buhlungu, uMboneli Vesele.

Bangamashumi amabini anesihlanu (25) abantu ababanjiweyo malunga namatyala aliqela, aquka ukubulala kunye nokuzama ukubulala, kule Yunivesithi ukusukela kunyaka ophelileyo.

Abatyholwa bazakubuyela enkundleni ngomhla wesithoba kuCanzibe.