USead Ramovic uthi iTS Galaxy iyifuna shushu iNedbank Cup!

Umqeqeshi weTS Galaxy, uSead Ramovic, akayichasanga indebe yeNedbank nakubeni eyona nto ephambili kuye ikukufumana indawo ehloniphekileyo xa kuphela isizini. Njengokuba kusondela impelaveki, iTS Galaxy iza kwamkela iChippa United emdlalweni weNedbank Cup ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eMbombela Stadium emalanga ngeCawe. Emva kokuphoswa yiCarling Knockout ekuqaleni kwesizini, iTS Galaxy izimisele ukuyilelwa eyeNedbank eyaziwa ngokuvelisa izinto ezothusayo.

Ukuba iTS Galaxy ikwazile ukuya emdlalweni wokugqibela, iyakube ilityeli lesibini iqhuba kakuhle kwiNedbank Cup. Yothusa umzi ngonyaka ka2019 ngokubetha iKaizer Chiefs emdlalweni owawuMoses Mabhida Stadium. Ethetha namajelo eendaba kule, uRamovic uqinisekisile ukuba iqela lakhe lifuna ukuphakamisa indebe. “Andifuni nokuzama ukuyenza lula le nto ndithi sifuna ukujika kwisigaba esiphezulu kwiNedbank Cup.. Hayi, akukho njalo. Siza kudlalela ukuyithatha,” utshilo uRamovic.

“Eyona njongo yethu ephambili kule isizini kukuba sifake iqela kwiTop 8. Kodwa sinephupha lokuphumelela indebe. Siyazazi, singayenza lo nto. Into ebalulekileyo ke kukusebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke. Akululanga, ukuze siphumelele imidlalo, kunyanzelekile sizilolonge ngamandla. Ukuba siyekelela enkampini yethu esizilolongela kuyo, izinto ziza kusinzimela ngomhla womdlalo. Sifuna umsebenzi wethu ube khaphukhaphu ebaleni – kodwa kufuneka sizimisele kakhulu,” utshilo uRamovic.

Nangona iTS Galaxy inembali entle kwiNedbank Cup, nayo iChippa United iqhuba kakuhle kuyo. Eminyakeni egqithileyo, ikhe yajika emdlalweni wokugqibela. Akukho qela elingakufuniyo ukuthatha indebe – kodwa uMnu. uSiviwe Mpengesi uthe kukuhlala kwiDStv Premiership eyona nto ebalulekileyo kwelakhe iqela kutshanje. Emva kokuphumelela imidlalo emibini ilandelelana kwiveki ephelileyo, abadlali beChippa baya kwiTS Galaxy bezithembile. Umdlalo uza kunika umdlalo ngoba kudibana amaqela athanda ukudlala ibhola entle.