Hamba Zim Dola, ngena Zim Gold eZimbabwe

Imali entsha yaseZimbabwe, iZim Gold.

Ilizwe laseZimbabwe lohlukene ngokusemthethweni nokusebenzisa idola yaseMelika. Ukusebenzisa idola kwakhokelela ekubeni imali yaseZimbabwe ibizwe ngedola yaseZimbabwe, iZim dola ngamanye.

Imbali ithi nguRhulumente waseRhodesia phantsi kolawulo lukaIan Smith owathi weza nedola yaseMelika ukuba ibeyiyo esetyenziswa ngokusemthethweni njengemali yela lizwe.

UEddie Cross yingcali yezimali eyakhe yasebenza kwibhanki enguvimba eZimbabwe, uvakalisa ukuvuya kwakhe ngesi sigqibo.

“Kudala kuthethwa ngokuba iZimbabwe izakuphuma kwidola yaseMelika, yalibaziseka ke le nkqubo ngenxa yezizathu ezithile, kodwa lona linyathelo elibonisa ukukhalipha okukhulu,” kutsho uCross.

Uqhwabela izandla uMphathiswa wezeMali omtsha waseZimbabwe ngokuqhubela phambili eli phulo lokwahlukana nedola yaseMelika.

“Akazange alibazise emva kokuba engene njengoMphathiswa wezeMali, uqalise kwangoko ukususa idola yaseMelika wafaka imali yaseZimbabwe ebizwa ngokuba yiZim Gold,” kucacisa uCross.

Ngenxa yembali yokuba amazwe amaninzi aseAfrika ebephantsi kolawulo lwamazwe aseYurophu, oku kubangele ukuba asebenzise imali yala mazwe.

“Ngenxa yemeko ebisele ikuyo iZim dola bekungxamisekile ukuba kuthathwe isigqibo malunga nenguqu kwezoqoqosho nezimali, ngoko ke sinethemba lento entsha,” kutsho uCross.

Ilizwe loMzantsi Afrika alizange lingene kwingxaki yokusebenzisa imali yamanye amazwe, koko lazimela ngokusebenzisa irandi yalo.

“Iingxoxo zokutshintsha imali yaseZimbabwe zaqala ngo2018, kodwa njengoko usazi ukuba ayisosigqibo esilula ukwenza, oko kubangele ukulibaziseka,” uhambisa atsho uCross.

Ngenxa yoxinzelelo obelambethwe yiZim dola, abantu bela lizwe bebethenga ezona zinto ziyimfuneko ngexabiso eliphezulu kakhulu.

Uninzi lwabantu baseZimbabwe balibaleka ela lizwe bekhangela amadlelo aluhlaza kumanye amazwe, imeko yezimali sesinye sezizathu.

Iingcali zoqoqosho kwihlabathi zithi xa amazwe amaninzi asebenzisa idola yaseMelika anokuthi ahlukane nokusebenzisa idola, imeko yezemali yaseMelika iya kuzibona isengxakini enkulu.

UCross uthi unethemba lokuba soze kubekho ingxaki ngokugxothwa kwedola eZimbabwe.

“Amazwe amaninzi apha kumazantsi weAfrika asebenzisa iimali zawo, kwaye awanayo ingxaki, iBotswana isebenzisa iPula ayinangxaki, Zambia, kwakunye neMozambique, wonke la mazwe awanangxaki,” kutsho uCross.

Uthi imeko yezoqoqosho yaseZimbabwe izakubuyela esiqhelweni kwaye ikwimeko entle ngenxa yokwahlukana nedola yaseMelika.

“Asikho isizathu esinokwenza ukuba singaphumeleli kweli linge lokuba nemali eyeyethu eZimbabwe, okufunekayo nje kukuba kulawulwe izinto ngohlobo olufanelekileyo,” uvale ngelo uCross.

Kuthiwa esi sisiqalo sokuwa kwedola yaseMelika, kwaye maninzi amazwe azakwahlukana nokusebenzisa idola yaseMelika. Iingcali zoqoqosho neengcali zezimali kwihlabathi jikelele zithi idola yaseMelika yomelele kuba ixhaswa ziidola zamanye amazwe.