Umakhulu washashalaza umzukulwana (7) xa emxelela ukuba udlwengulwe ngutata wakhe!

INkundla kaMantyi yakuCentane igwebe ubomi uMboneleli Sabane (27) emva kokuba imfumene enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka esixhenxe (7) izelwe.

Oku kwenzeka ngo2021 kwindawo yaseLusizini kuCentane. Ixhoba belityelele kulo tata walo nanjengoko lihlala kulo nina walo ngethuba lidlwengulwa ngutata walo kwindlu engurontawuli kulelwe kusebusuku.

Ingxelo ephuma kuLuxolo Tyali weNPA, ithi, ixhoba lavuka layokuxelela umakhulu walo ongunina kayise, ixhoba alizange limanyelwe lashashalazwa ngumakhulu ethethelela unyana wakhe.

UTyali uthi, ixhoba laye lathi ukufika kwalo kulo nina apho lihlala khona laxelela umzala walo naye osemncinci ngokuzalwa, mzala lowo waye waxelela abadala ze umntwana wasiwa eThuthuzela Care Centre (TCC) apho waye wavavanywa ehlolwa ngenene kwafumaniseka konakele.

Ngethuba kuqhuba ityala uSabane wadiza ukuba akanatyala ephika nokuba ebekhe wayibamba intwazana yakhe. Obambele njengoMtshutshisi weNkundla yeNgingqi uSiyabonga Manase waye wabeka ubungqina phambi kweNkundla obukamongikazi waseTCC, nobukamzala wexhoba watsho wakwazi ukufumana esi sigwebo oka Sabane.

UTyali uthi, iNPA iyayibulela intsebenziswano yamasebe namagosa aqinisekise ubulungisa kule ntwazana ineminyaka esixhenxe (7) ubudala.

UTyali uthi bakwancoma nobukroti bomzala wexhoba naye osengcekengceke ngokweminyaka owakwazi ukuphakama abike kwabadala ngale nyewe.