Uvela enkundleni ofunyenwe neziyobisi ezixabisa izigidi ezintathu zeerandi!

Kubanjwe owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36), ngezityholo zokuba neziyobisi kwisitishi seebhasi, eMonti, kwiveki ephelileyo.

Ingxelo ithi amapolisa afumene iinkcukacha malunga nalo wasetyhini ungaziwayo nobesolwa ngokuba neziyobisi, ekhwele ibhasi esuka eBloemfontein isingise eMonti.

Ibhasi le ithe yakubonwa ngamapolisa, ayilandela ukuya kufika eWindmill Roadhouse, nesisitishi seebhasi eMonti, nalapho lo wasetyhini ethe wafunyanwa emva kokulandela iinkcukacha ezifunyenwe ngamapolisa.

Ingxelo iqhuba ithi, amapolisa acele imvume yokugqogqa ibhegi yalo wasetyhini, nathe wabanika loo mvume. Kugqogqo alwenze kwibhegi yomrhanelwa, amapolisa afumene iziyobisi ekurhanelwa ukuba luhlobo lweTik, ishumi elinesihlanu lezitena zeCrystal Meth. Ezi ziyobisi bezibunzima buyi-20.50kg, ukanti ixabiso lazo lasesitalatweni lithe laqikelelwa kwizigidi ezintathu zeerandi.

Umrhanelwa uye wabanjwa, kwaye ujongene netyala lokushishina ngeziyobisi. Lo mrhanelwa uza kuvela kwinkundla yamatyala eMonti, namhlanje (Mvulo) , umhla we15 kuTshazimpuzi.