AmaZulu awiswe yiPirates, uCijimpi wabhodla idangatya emva koko!

UMondi Mbanjwa odlalela AmaZulu FC ejongene noRelebohile Mofokeng we’Orlando Pirates emdlalweni weNedbank Cup obuseMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

UPablo ‘Cijimpi’ Martin ubhodle idangatya emva kokuba kubethwe iqela lakhe. Oku kwenzeke emva kokuba AmaZulu ewiswe phantsi yi’Orlando Pirates ngamagowuli amane kwamabini emdlalweni weNedbank Cup obutshisa bhe eMoses Mabhida Stadium ngempelaveki. AmaZulu atsazise igazi kuqala emdlalweni odlalwe ebaleni ebeligcwele lingenayo nendawo yokunyathela – kodwa abadlali bePirates, bekhokelwa nguPatrick Maswanganyi ofake amagowuli amabini, babuye ngamandla bawuphumelela umdlalo obalulekileyo.

Bekulindeleke ukuba AmaZulu enze bhetele emdlalweni ogqithileyo weNedbank Cup ngoba ekuqaleni kwesizini eqhubekayo ebekhe abethelwa ekhaya yiPirates emdlalweni weMTN 8 kwibala laseThekwini. UCijimpi ebesisifu ngumsindo ngenxa yezigqibo ezithathwe ngusompempe ekucaca ukuba akavumelani nazo. Ethetha emva komdlalo, uMartin ubuze umsasazi weSuperSport TV ukuba ufuna athethe ngeyiphi na into kwezenzekileyo. “Ufuna ndithethe ngebhola ebidlalwa ebaleni okanye ngezigqibo ezithathwe emdlalweni?

“Ndiyabuza ngoba ingxaki esinayo emidlalweni kukuba iziphumo zemidlalo zigqitywa ngabantu abangengabo abadlali,” utshilo uCijimpi obengonwabanga emva komdlalo. Oosompempe baphantsi koxinizelelo eMzantsi Afrika ngenxa yeempazamo abazenzayo. Into ebonakalayo ngoku kukukhula kwenani labaqeqeshi abavakalisa ukungonwabi kwabo xa amaqela wabo engafumananga iziphumo ezibancumisayo. “Lihlazo into eyenzeke apha. Besidlala neqela elidlala kakuhle kakhulu. Sifikelele kwisigaba esiphezulu kwiNedbank Cup okokuqala emva kweminyaka elishumi elinambini.

“Isiqingatha sokuqala silawulwe sithi. Andikhathali nokuba bekubhalwe ntoni ebhodini. Silwile kwisigaba sesibini amaqela abambana ngamagowuli amabini macala. Ekugqibeleni iphumelele iPirates – kodwa hayi ngendlela entle. Kule sizini, kubonakala ngathi iziphumo ezichaphazela AmaZulu zigqitywa kwenye indawo. Sizamile ukudlala sizibambile ngenxa yezigqibo ezithathwe ngusompempe emdlalweni futhi sidlale umdlalo omhle. Sesisazi ngoku okulindelekileyo xa sidlala neqela elifana nePirates. Lihlazo eli elizweni lonke,” utshilo uMartin.