USteve Barker uchwayitile yindlela ekhule ngayo iStellenbosch FC

Umqeqeshi weStellenbosch FC, uSteve Barker, uzingombe isifuba ngomsebenzi omhle owenziwe liqela lakhe ngempelaveki egqithileyo. OkaBarker uvakalise ukuchwayita kwakhe emva kokuba iStellenbosch ivuthulule iSuperSport United ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eDanie Craven Stadium. Eyona nto ebangela umqeqeshi onwabe kukuba iqela lakhe liqhuba kakuhle emidlalweni yendebe nakwiDStv Premiership ngokunjalo.

Ekuqaleni kwesizini, iStellenbosch yakhutshwa yiPirates seyihambile kwiMTN 8. Kodwa emva koko iphumelele indebe yeCarling Knockout okokuqala ekupheleni kuka2023. Kanti kwiDStv Premiership, iStellenbosch ihleli kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns.

Ukuba iqela laseNtshona Koloni livale isizini likwindawo elikuyo, liza kudlala imidlalo yeCAF. Konke oku kwenzeka uSteve Barker elahlekelwe ngabadlali bakhe abaphambili abathengwe ngamaqela amakhulu eMzantsi Afrika.

“Andiqondi ukuba banconywa ngokwaneleyo abadlali bam. Yimidlalo engamashumi amabini ananye abayidlalileyo ngoku bengabethwanga nakanye. Kuloo midlalo, ishumi elinesihlanu siyiphumelele saze safumana amagowuli angamashumi amane,” utshilo uBarker kwiSuperSport TV emva komdlalo.

“Eli qela likufanele ukuya emdlalweni wokugqibela kwiNedbank Cup. Likhulile ngoku iqela kwaye sibonise umgangatho ophezulu esikuwo ngendlela esiphumelele ngayo namhlanje,” utshilo uBarker emva kokuba iqela lakhe lishwabanise Amatsatsantsa.

Ukubetha iSuperSport ngomwasalala wamagowuli amane afakwe nguAnicet Oura, uDevin Titus, Andre de Jong no-Iqraam Rayners yinto enkulu. “Isiqalo sethu besisihle kakhulu ukusuka kwigowuli lethu lokuqala ukuya kwelesithathu. Umdlalo ubulawulwa sithi. Sibethe iqela elisemgangathweni ophezulu futhi elinabadlali abadlala kakuhle kakhulu.

Sifumene amagowuli – kodwa akwafakwa nto kuthi,” utshilo uBarker. Ngorhatya lweCawe edlulileyo, amaqela shiyekileyo athelekisiwe kwiNedbank Cup. IChippa United iza kudibana nePirates, yona iStellenbosch idibane neSundowns.