UPatrick Mswanganyi utyibela umqeqeshi wakhe ngamazwi amnandi

Umdlali we’Orlando Pirates ongeva ntambo, uPatrick Maswanganyi, umtyibele ngamazwi amnandi umqeqeshi wakhe ngempelaveki. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ingombe AmaZulu ngamagowuli amane kwamabini emdlalweni weNedbank Cup obunzima eMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. Kumagowuli amathandathu afakiweyo emdlalweni, amabini ancede iBucs afakwe nguMaswanganyi onikwe iwonga lomdlali oqaqambinileyo ekupheleni kwawo.

UMaswanganyi, 26, ayingomdlali owongeza nje inani kwiPirates. Ukusukela oko efikile kwisizini egqithileyo, udale inqwaba yamathuba wafaka namagowuli angaphezulu kwaweefolosi ezininzi eMzantsi Afrika. Lo nto icacisa kakuhle isizathu esibangele ukuba umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, ambone njengoyena mdlali ongavala indawo kaThemba Zwane kwiqela lesizwe. Ukuphumelela kwePirates kwandisa amathuba wayo okukhusela indebe yeNedbank.

“Ndifuna ukubulela uThixo, usapho lwam nabantu abasondeleyo kum ngoba ukubabona bendivuyela yeyona nto endenza ndisebenze ngamandla. Umakhulu wam usoloko endixelela ukuba uyaziqhenya ngam,” utshilo uMaswanganyi ethetha kuSuperSport TV. “Ndize apha namhlanje ndizixelele ukuba ndifuna ukudlala ngamandla wam onke ukuze konwabe abalandeli – hayi abantu basekhaya kuphela. Siphulukene nemidlalo, ngoku sifuna ukuqhuba kakuhle apha kwiNedbank Cup siliqela.

“Nokuba ngubani ebenganikwa iwonga lomdlali oqaqambileyo – kodwa ndivuyela ukuba linikwe mna,” utshilo uMaswanganyi emva komdlalo. AmaZulu abethwe okwesibini kule sizini yiPirates emdlalweni wendebe eMoses Mabhida Stadium. “Sinomqeqeshi okwaziyo ukulawula imeko nokuba kwenzeka ntoni emidlalweni yethu. Uya qinisekisa ukuba sidlala ngendlela yethu. Akafuni sidlale sixhamazela. Namhlanje khange sixhamazele noxa besihamba emva,” utshilo uMaswanganyi. Umqeqeshi waMaZulu uvakalise ukungonwabi emva kokubethwa kwiNedbank.