Umzimba kamakhulu (71) ufunyenwe ungcwatywe egadini, kubanjwe abazukulwana!

Amapolisa abambe abazukulwana ababini kunye nomhlobo wabo ngetyala lokubulala kunye nokuphanga kwindawo yaseZinkampini, eCumakala ngaphandle kwaseLady Frere ngoMgqibelo, umhla we13 kuTshazimpuzi ka2024.

Oku kubanjwa kuza emva kokuba umakhulu wabo (71) elahlekile ngoLwesihlanu, umhla we12 kuTshazimpuzi ka2024.

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni, ugqogqo lwamapolisa noluntu lwenzekile kwaye alibinaziphumo zihle.

NgoMgqibelo emva kwemini, umhla we13 kuTshazimpuzi ka2024, amapolisa abizelwa kwindawo yexhwayelo apho afumana umzimba wowasetyhini ungcwatywe kwingcwaba elingekho nzulu egadini yakhe, itsho ingxelo.

Uphando olunzulu lwakhokelela ekubeni amapolisa abambe abazukulwana bakhe ababini kunye nomhlobo wabo ngokubulala nokuphanga. Aba bathathu baphakathi kweminyaka engama21 nama27 ubudala.

Kuqhutywa uphando lokukhangela unobangela wokubulawa kwalo makhulu.

Aba bathathu kulindeleke ukuba bavele kwiNkundla kaMantyi yaseLady Frere ngoMvulo, umhla we15 kuTshazimpuzi ka2024.