UMapimpi umenzele okuhle naye uLukhanyo Am kutshanje!

Abadlali abaphambili beSharks, uMakazole Mapimpi noLukhanyo Am, benze ezibukwayo kwatsho kwaphumelela iqela labo. Okuthe kwatsala kakhulu umdla wabalandeli bombhoxo kukuba uMapimpi udlalele uLukhanyo walala emgceni ngendlela efana ncamashi awadlalelwa ngayo nguLukhanyo emdlalweni wokugqibela wetumente yehlabathi eyayibanjelwe eJapan ngonyaka ka2019. AmaBhokobhoko ayeqala ukulala emgceni emdlalweni wokugqibela kwitumente yehlabathi.

UMzantsi Afrika wayiphumelela iNdebe yeHlabathi ngonyaka ka1995 nango2007 ngaphandle kokulala emgceni. Okwenzekayo yaba yinto enkulu kuMapimpi nakwiqela lesizwe lombhoxo lonke. Kodwa okungasoze kulityalwe sisenzo sikaLukhanyo owanika uMapimpi ithuba lokwenza imbali kwitumente yehlabathi kungekho nto eyayimnyanzela. Ukusebenzisana kwaba badlali ababini kwanika impumelelo ebalulekileyo uMzantsi Afrika owabetha amaNgesi ngo’32-12 eJapan.

Iqela lombhoxo laKwaZulu-Natal, iSharks, liphumelele ngo’36-30 libetha iEdinburgh emdlalweni obutaka iintlantsi. UMapimpi ufumene ibhola kuLukhanyo wayikhabela phambili. Ngenxa yamendu anawo, uyisukele wayifumana abadlali bayo iEdinburgh bengekafiki kuyo. Unikele uLukhanyo olele emgceni ngaphandle kokuphazanyiswa. USiya Masuku uncede iqela lakhe (iSharks) eliye lakhokela ngo’7-6 emizuzwini yokuqala yomdlalo. Iye yalwa ngamandla iEdinburg kwayiwa kwixesha lokuphumla inkqenkqeza phambili ngo’16-14.

Kuye kwanyanzeleka ukuba iSharks isebenza ngamandla kwisiqingatha sesibini somdlalo ngoba ibihamba emva. Ngethamsanqa, uCurwin Bosch, ongene kwisigaba sesibini, ufike wenza umahluko omkhulu ngokongeza amanqaku amathathu. Emva kwakhe uBongi Mbonambi ulele emgceni. Omnye umsebenzi wenziwe lunyawo lukaMasuku oqokelele ishumi elinesine lonke lamanqaku ngeepenela. Baza kuphumla abadlali beSharks ithutyana phambi kokulungiselela omnye umdlalo weChallenge Cup okwiveki yokuqala kuCanzibe, eTwickenham, eLondon.