UDanny Jordaan uphawula ngekamva likaDesiree Ellis

Emva kokuba lingaphumelelanga ilinge laBanyana Banyana lokuzibekela indawo kwi’Olimpiki, kubekho abantu abathi makashenxe esikhundleni uDesiree Ellis ngoba woyisiwe. Ingxoxo ngekamva lakhe ivumbuke kwiveki ephelileyo emva kokuba aBanyana Banyana bengakwazanga ukubetha iNigeria emdlalweni ophele iliqanda macala eLoftus Stadium kwiveki ephelileyo. Ngalo ndlela, yiNigeria ekwazileyo ukuya kwi’Olimpiki eza kubanjelwa eFrance kulo nyaka ngoba iwubethe ngo’1-0 uMzantsi Afrika emdlalweni wokuqala.

Ethetha emva kwengqungquthela yeSouth African Football Association (Safa), uGqirha Danny Jordaan, uthe uqinisekile ukuba uEllis uza kuhlala esikhundleni sakhe njengomqeqeshi weqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo. “Akukho apho ayakhona umqeqeshi. Xa iqela liphumelele, abantu baseMzantsi Afrika baye bavuye. Xa lingaphumelelanga baye bafune kudilizwe yonke into,” utshilo ugqirha Jordaan onguMongameli weSafa. Kokwesibini aBanyana Banyana bengakwazi ukuya kwi’Olimpiki phantsi kwakhe uEllis amatyeli elandelelana.

“Masithobeni umoya. Ebholeni ekhatywayo kudlala amaqela amabini. Linye eliphumelelayo ekugqibeleni, ngakumbi emdlalweni wamagqibelakankqoyi. Awukwazanga uMzantsi Afrika ukuya kwi’Olimpiki. Nakubeni ingemnandanga lo nto – kodwa eli lixesha lokuba sakhe iqela siye phambili,” utshilo uMongameli. Isivumelwano sengqesho sikaDesiree Ellis siza kuphelelwa kwiinyanga ezizayo. Kanti iqela lesizwe kufuneka lilungiselele iWafcon eliza kuya kuyo liziintshatsheli ezikhuselayo emva kokuyiphumelela ngo2022.

“Besifuna ukuya kwi’Olimpiki – kodwa okwenzekileyo yinto eyenzekayo ebholeni. Nokuba kukho izinto ezikubuyisela umva, kufuneka siye phambili. Kusetyenzwa kanjalo ebholeni. Inyathelo lethu elilandelayo kukuba silungiselele ukukhusela indebe yethu yeWafcon. Sizamile ukuyibetha iNigeria – kodwa ke ipenela abayenzayo aBanyana Banyana emdlalweni wokuqala ibonzakalisile. Kuyenzeka izinto zingahambi ngendlela ofuna ngayo. Akukho esinokuyenza ngoku kwaye sesithethile nabadlali ngalo mba,” uvale ngaloo mazwi uGqirha Jordaan.