Rulani Mokwena: Sinayo na iVAR apha eMzantsi Afrika?

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uthi amagowuli afakwe kwiqela lakhe bekungafanelanga ukuba abaliwe. Oku ukuthethe emva kokuba iMoroka Swallows ibuye ihamba emva yabambana neMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini emdlalweni weDStv Premiership obutshisa eDobsonville Stadium ebusuku izolo. Amagowuli weSundowns afakwe nguTeboho Mokoena noMarcello Allende. Kanti wona aweSwallows afakwe nguAugustine Mahlonoko noGabadinho Mhango.

Emva komdlalo, uMokwena uvakalise ukuphoxeka kwakhe koonondaba yindlela uJelly Chavani awuphethe ngayo umdlalo. Ingxaki ithe gqi emva kwegowuli lesibini leSwallows elifakwe nguMhango obelalele ngethuba kusiza ibhola kuye. Izinto ziye zaguquka emva kokuba umdlali weSundowns efumene ibhola kuqala – kodwa kamva yafunyanwa nguMhango oye wafaka igowuli. Umncedisi kasompempe uye waliphakamisa ilaphu elithi uMhango ulalele – kodwa uChavani uye wathi ligowuli emva kokuthetha nabancedisi bakhe.

Lo nto khange imphathe kakuhle umqeqeshi weSundowns obuzileyo ukuba kukho iVAR na eMzantsi Afrika emva kokuba uChavani ebonakele ethetha nomntu ekungacacanga ukuba ebephi. UMokwena uthe omabini amagowuli weSwallows afakwe ngabadlali abalaleleyo. “Andidingi ngcaciso ngoba kokwesithathu kusetyenziswa iVAR efihlakeleyo xa kudlala iSundowns. Anibhali ngalo nto. Omabini amagowuli afakwe ngabadlali abalaleleyo,? utshilo uMokwena ebhekisa kwiintatheli emva komdlalo izolo. Wongeze ngelithi imithetho yebhola uyazi ngokupheleleyo.

“Ebelalele umdlali ofake igowuli lokuqala, nalo ufake elesibini. Andidingi kucaciselwa, imithetho yebhola ndayifunda. Le nto yenziwa ngoosompempe ingcolisa igama lebhola yaseMzantsi Afrika. Ihlabathi lonke liyayibukela ibhola yethu. Ndazi abantu abaseYurophu ababukela iSundowns oko xa idlala. Inoba bathini ngebhola yethu?” uvale ngaloo mazwi uMokwena. Ngempelaveki nguPablo Franco Martin ukhale kakhulu ngezigqibo ezithathwe ngoosompempe emva kokuba AmaZulu ebethwe yiPirates ngo’4-2 emdlalweni weNedbank Cup.