Isikhalo ngabelusi, uluntu luphila ubomi bentshontsho emva kokugetyengwa komnikazi womzi ngumelusi!

Isiganeko sokuxatyelwa kubulawe utata welali yaseMaqomeni kummandla wakuGengqe, eMqanduli, ebulawa ngumfana obemsebenzela njengomelusi wemfuyo emzini wakhe kunye natyholwa naye, kushiye uluntu lunomsindo kambe abanye bexhalabile besoyikisela ubomi babo sesi siganeko.

Esi siganeko senzeke kwiveki ephelileyo kusapho lakwaBolowana, eMaqomeni, kwaye ingxelo ithi babini abarhanelwa, ngumfana waseCofimvaba obeze kweli khaya njengomelusi wemfuyo yeli khaya kwakunye nenkwenkwe (18) yelali nekuvakala ukuba iselugcinweni lwamaPolisa. Yena umfana obesebenza kweli khaya usaduke negama lakhe.

Ingxelo iqhuba ithi, lo tata bambetha ngezembe kabukhali de wabhubha emva koko bemka ngemoto yakhe neyabhaqwa kwikhaya lomrhanelwa eCofimvaba yena engekho umrhanelwa.

Umama okufutshane nelali le kwenzeke kuyo isiganeko nongasenaye umyeni nothethe neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, uthi oku kwenzeke kwilali engaphesheya kuye kodwa oko kuyafana ukuba yenzeke kubo kuba kusondelelwene kwaye ingenzeka nakuye kuba uyedwa nabantwana xa ikwazile ukwenzeka kutata womzi ohloniphekileyo. Umama uthi oku kubashiye bephakuphaku kuba ngumntu obengakhange bacingele ukuba ingenzeka kuye le yenzekileyo.

Ilungu leWadi Komiti kuGengqe, uMnumzana uMgabe, usikhalimele kabukhali esi senzo esithi sibashiye benentliziyo elihlwili kukukhathazeka nangumsindo kwanomothuko.

Uthi lo tata ubuleweyo ngutata obenceda kakhulu uluntu ekuhlaleni, ngutata wabantu ekuhlaleni futhi ohloniphekileyo. Uthi ebengakufanelanga ukubhubha ngohlobo athe wabhubha ngalo.

Lo tata ubhubhe xa kanye esandula ukuthatha umhla-phantsi emsebenzini wakhe kwaye sele ekhe wasebenza nasemkhosini.

“Oku kundilimazile kakhulu ndisisiqu kwaye kwandilimaza ndiyinkokheli yabahlali. Esimasikizi kanje kokokuqala sisenzeka kodwa zona iziganeko zokubiwa kwemfuyo ngabelusi belizwe laseLesotho kuxhaphakile apha sinalo mngeni sijongene nawo,” utshilo uMgaba.

Utata lo nolixhoba lokugetyengwa ngaphakathi emzini wakhe, uyangcwatywa kule mpelaveki eMaqomeni, kuGengqe, eMqanduli.

Olixhoba lokubelwa imfuyo ngumntu owelusayo kwindawo yaseQhorha, eDutywa uthi, oku kuyothusa kuba bebekade bexhalabela abantu baseLesotho besithi ngabo abanobungozi.

Iintetha zalo tata ziza emva kokuba umfana waseLesotho oweza ngokolusa kule lali yaseQhorha wabulala intwazana isuka emgidini ngoDisemba ka2022. Uthi okubalulekileyo kukufuna isazisi (ID) usigcine kuwe.

I’solezwe lesiXhosa linawo umfanekiso womrhanelwa kodwa kuba ungekakhutshwa ngokugunyazisiweyo lisebe lesiPolisa, alikwazi ukuwupapasha lo mfanekiso. Kusabanjwe umrhanelwa omnye. Umelusi usabalekile akakabanjwa.