Bakhuthazwa ngokuziphatha abantwana

Ulutsha leMpuma Koloni lukhuthazwe lukwafundiswa banzi ngemicimbi yemveli neenkolo zesiNtu phantsi kwenkqubo yedoni kumsitho obubanjelwe eOrient Theatre eMonti kwimpelaveki egqithileyo.

Othethe egameni lenkampani eququzelela lo mcimi iNdoni uFuneka Jwaai uthi eli phulo liqhube ngempumelelo kulo nyaka njengeminye iminyaka.

“Sixhaswe lisebe lemfundo ephondweni nakuzwelonke ngeenjongo zokuba sikhuthaze abantwana kwindlela yokuziphatha eyiyo entlalweni,” uthethe watsho uJwaai.

Amakhwenkwe namantombazana aphuma kwiimbombo zone zeli phondo avingcelwe kweli ziko efundiswa ngezona ndlela zizo zokuziphatha ngokumayela nenkolo yesiNtu.

“Aba bantwana bafundiswe indlela yokuziphatha, amasiko nezithethe, isinxibo sesiNtu kwanokutya kwesiNtu, kamva baye benziwe ukuba bakhuphisane bebonisa ulwazi labo ngale nto bayifundileyo,” utsho uJwaai.

Uthi aba bantwana baphuma kwizizwe eziquka amaMpondo, abaThembu kunye namaXhosa eli phondo leMpuma Koloni.

Umbutho weeNkosi zemveli kweli phondo iHouse of Traditional Leaders uyinxalenye yemibutho exhasa le nkqubo yokukhuthaza aba bantwana.

Aba bantwana baphumelele kumanqanaba ahambelana nezizwe abaphuma kuzo. “Kwisizwe sabaThembu ophumelele emakhwenkweni ngu-Athi Jack, kumaMpondo ibenguYamnkela Mbele.

“Logama kwiintombi inguKagiso Ndzimankulu kubaThembu ize ibengu Afika Mkhonza kumaXhosa,” itshilo le ngxelo.

Aba bantwana baphumelele ngokuzibonakalisa ulwazi abalufunde apha kwisinxibo sesintu, ukutya amasiko nesithethe.

Iqela labantwana abaphumelele apha bazakumela iphondo kukhuphiswano labantwana ababonakalisa ukuziphatha kakuhle ngokwesintu kuzwelonke.

Amapolisa oMzantsi Afrika afundise aba bantwana ngeengxaki zokuthintela ulwaphulo mthetho kwanokudlala indima eyakhayo entlalweni.

Aba bantwana kulindeleke ukuba benze umahluko kwiindawo abavela kuzo ngokufundisa abanye ngendlela yokuziphatha.

INdoni ngumbutho kazwelonke ojongo yawo ikukuvuselela indlela eyiyo yokuziphatha kusetyenziswa amasiko nezithethe.